YouVersion Logo
Search Icon

UDANIYELI 3

3
Umfanekiso wegolide kaNebhukadenetsare
1UNebhukadenetsare ukumkani wenza umfanekiso wegolide. Ukuphakama kwawo bekuziikubhite• ezimashumi mathandathu, ububanzi bawo bebuziikubhite ezintandathu; wawumisa ethafeni laseDura, ezweni laseBhabheli.
2UNebhukadenetsare wathumela ukuba kuhlanganiswe iirhuluneli, nabathetheli bomkhosi, namabamba, nabagwebi abakhulu, nabagcini-ndyebo, nabaqondisi-mthetho, nabagwebi, nabo bonke abanegunya emazweni, ukuze beze ekusungulweni komfanekiso, abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani. 3Zaza zahlanganisana iirhuluneli, nabathetheli bomkhosi, namabamba, nabagwebi abakhulu, nabagcini-ndyebo, nabaqondisi-mthetho, nabagwebi, nabo bonke abanegunya emazweni, ukuze usungulwe umfanekiso, abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani; bema ke phambi komfanekiso abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani.
4Ummemezi wadanduluka ngamandla, wathi, Kuthiwa kuni, zintlanga, zizwe, zilwimi: 5Ngexesha enithe neva izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare,• nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, yiwani phantsi, niqubude kumfanekiso wegolide awumiseleyo uNebhukadenetsare ukumkani. 6Ongathanga awe phantsi, aqubude, uya kujulelwa kwaoko ezikweni elivutha umlilo.
7Ngenxa yoko, ngelo xesha, xa zalivayo iintlanga zonke ilizwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, zawa phantsi zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zaqubuda kumfanekiso wegolide abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani.
UShadraki noMeshaki noAbhede-nego bayala ukuqubuda kumfanekiso
8Ngenxa yoko, ngelo xesha kwasondela amadoda angamaKaledi, awancetheza amaYuda. 9Athetha athi kukumkani uNebhukadenetsare, Kumkani, yidla ubomi ngonaphakade! 10Wena kumkani, ùwise umthetho wokuthi, bonke abantu abathe baliva izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, mabawe phantsi baqubude kumfanekiso wegolide. 11Ongathanga awe phantsi, aqubude, makajulelwe ezikweni elivutha umlilo. 12Kukho amadoda angamaYuda, owamise enkonzweni yokuphatha ilizwe laseBhabheli, uShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego; la madoda akakhathali nguwe, kumkani; akababusi oothixo bakho, akaqubudi kumfanekiso wegolide owumisileyo.
13Waza wathi uNebhukadenetsare, equmbile, eshushu, mabaziswe ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego. Aziswa ke la madoda phambi kokumkani. 14Waphendula uNebhukadenetsare, wathi kubo, Nenza ngabomi na, Shadraki, Meshaki, Abhede-nego, ukuthi ningambusi uthixo wam, ningaqubudi kumfanekiso wegolide endiwumisileyo? 15Ke ukuba nithe ngoku nalungela ukuthi, ngexesha lokuva kwenu izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, niwe phantsi, niqubude kumfanekiso endiwenzileyo, kolunga; kodwa ukuba anithanga niqubude, nojulelwa kwaoko ezikweni elivutha umlilo. Ngubani na ke uthixo oya kunisindisa esandleni sam?
16Baphendula ooShadraki, noMeshaki noAbhede-nego, bathi kukumkani, Nebhukadenetsare, akufuneki kuthi ukuba sikuphendule ngale ndawo. 17Ukuba uThixo wethu esimbusayo unako, wosisindisa ezikweni elivutha umlilo, nasesandleni sakho, kumkani. 18Ke, ukuba akunjalo, makwazeke kuwe, kumkani, ukuba asiyi kubabusa othixo bakho, asiyi kuqubuda kumfanekiso wegolide owumisileyo.
UShadraki noMeshaki noAbhede-nego bahlangulwa kwiziko elivutha umlilo
19Wesuka uNebhukadenetsare wazala bubushushu, nokumila kobuso bakhe baba bubi kuShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego; waphendula wathi, iziko malenziwe libe shushu ngokuphindwe kasixhenxe, kunoko fudula lisenziwa shushu ngako. 20Wathi kumadoda, kumadoda anobukroti empini yakhe, makababophe ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, abajulele ezikweni elivutha umlilo. 21Aza la madoda abotshwa eneehempe zawo, neengubo zawo zangaphantsi, nezokwaleka, nezinye iingubo zawo, ajulelwa ezikweni elivutha umlilo. 22Kwathi, ngenxa enokuba ilizwi lokumkani belibukhali, neziko belenziwe lashushu ngokuncamisileyo, ngenxa yoko ilangatye lomlilo lawabulala loo madoda abafunquláyo ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego. 23La madoda omathathu, ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, awa phakathi kweziko elivutha umlilo, ebotshiwe.
24Waza uNebhukadenetsare ukumkani wothuka, wesuka ngobungxamo, wathetha wathi kumaphakathi akhe, Besingàjulelanga phakathi komlilo amadoda amathathu yini na, ebotshiwe? Aphendula athi kukumkani, Ùnyanisile, kumkani. 25Waphendula wathi, Khangelani, ndibona amadoda amané, ekhululekile, ehamba phakathi komlilo, engènzakele; ukubonakala kweyesiné ke kufana nonyana woothixo.
26Waza uNebhukadenetsare wasondela esangweni leziko elivutha umlilo, waphendula wathi, Shadraki, Meshaki, Abhede-nego, bakhonzi boThixo Osenyangweni, phumani nize. Baza baphuma ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, emlilweni. 27Zahlanganisana iirhuluneli, nabathetheli bomkhosi, namabamba, namaphakathi okumkani; bawakhangela la madoda, ukuba umlilo awubanga namandla emizimbeni yawo, akurhawukanga nalunwele lwentloko yawo; iihempe zawo azibanga zizimbi, nevumba lomlilo alifikanga kuwo.
28Waphendula uNebhukadenetsare wathi, Makabongwe uThixo kaShadraki, kaMeshaki, ka-Abhede-nego osithumileyo isithunywa sakhe, wabasindisa abakhonzi bakhe, ababekholose ngaye, baligqitha ilizwi lokumkani, bayinikela imizimba yabo, ukuba bangabusi, bangaqubudi, kuthixo nonguwuphi, ongenguye uThixo wabo. 29Ndiwisa umthetho wokuba zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, ezisukuba zithetha into eyimposiso ngoThixo kaShadraki, kaMeshaki, ka-Abhede-nego, ziya kwenziwa iziqwenga; izindlu zabo zenziwe indawo ekuyiwa kuyo endle; ngenxa enokuba kungekho thixo wumbi, unako ukuhlangula ngolo luhlobo.
30Waza ukumkani wabenza banempumelelo ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, ezweni laseBhabheli.

Currently Selected:

UDANIYELI 3: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in