YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEKORINTE II 4

4
Ukukhuthazwa kwentshumayelo elula
1Ngenxa yoko, sínalo nje olu lungiselelo, sithi, njengoko senzelwe inceba, singethi mandla; 2sisuke sazilahla izinto ezifihlakeleyo eziziintloni, singahambi ngobuqhetseba, singalikhohlakalisi ilizwi likaThixo; sisuka ngokuyibonakalalisa inyaniso siziyaleze kuso sonke isazela sabantu emehlweni kaThixo.
3Ukuba ke zigqutyuthelwe iindaba ezilungileyo zethu, zigqutyuthelwe kwabo batshabalalayo; 4athe uthixo weli phakade wazimfamekisa ngaphakathi kwabo iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu, ongumfanekiselo kaThixo. 5Kuba asizivakalisi thina, sivakalisa uKristu Yesu ukuba uyiNkosi; sibe ke thina sizivakalisa ukuba singabakhonzi benu ngenxa kaYesu. 6Ngokuba nguThixo, yena wathi ukhanyiso malukhanye ebumnyameni, okhanyisele iintliziyo zethu, ukuze kukhanye ukwaziwa kobuqaqawuli bukaThixo ebusweni bukaYesu Kristu.
Ubuthathaka babapostile namandla kaThixo
7Ke kaloku obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze incamisa yamandla ibe yekaThixo, ingaphumi kuthi. 8Siyabandezelwa ngeenxa zonke, singaxineki; siyathingaza, singancami; 9Sitshutshiswa, asiyekelwa; sikhahlelwa phantsi, asitshatyalaliswa; 10sihlala sikuthwele ngomzimba ukufa kweNkosi uYesu ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe emzimbeni wethu. 11Kuba thina badla ubomi simana sinikelwa ekufeni ngenxa kaYesu, ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe enyameni yethu enokufa. 12Ngoko ke kusebenza ukufa kuthi, ke kuni kusebenza ubomi.
13Sínawo nje ke kwaloo moya wokholo, ngokoko kubhaliweyo kwathiwa, Ndakholwa, kungoko ndathethayo: nathi ke siyakholwa, kungoko sithethayo nokuthetha; 14sisazi ukuba lowo wayivusayo iNkosi uYesu, uya kusivusa nathi ngoYesu, asimise phambi kwakhe, ndawonye nani. 15Kuba konke oko kungenxa yenu, ukuze luthi ubabalo, lwakuba lwandile ngabona baninzi, luwuphuphumise umbulelo, use ekuzukiseni uThixo.
Umzuzwana weentlungu nozuko olungunaphakade
16Kungoko singethi mandla; kuba nokuba umntu wethu wangaphandle uya esonakala, usuka yena owangaphakathi aye ehlaziyeka imihla ngemihla. 17Kuba ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade sakubon' ukuba asixuneli ezintweni ezibonwayo, sixunela kwezingabonwayo. 18Kuba ezibonwayo zezomzuzwana, ke zona ezingabonwayo zezonaphakade.

Currently Selected:

KWABASEKORINTE II 4: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy