YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEKORINTE II 5

5
1Kuba siyazi ukuba, xa ithe yachithwa indlu yethu esemhlabeni, engulo mnquba, sinesakhiwo esiphuma kuThixo, indlu yona emazulwini, engenakwenziwa ngazandla, engunaphakade. 2Kuba kuló siyancwina, silangazelela ukwambatha, saleke indlu yethu yasemazulwini; 3ukuba siya kufunyanwa sambethe okunene, singezé. 4Kuba kwathina aba bakulo mnquba siyancwina sisindwa, kungengakuba sithanda ukuhlutywa; kungokuba sithanda ukwambathiswa saleke, ukuze okunokufa kufincwe bubomi.
5Ke kaloku lo usisebenzele kwaloo nto nguThixo, osinike nokusinika isinyaniso sakhe uMoya. 6Ngoko ke sihlala somelele, sisazi ukuba, sikowethu nje emzimbeni, sikude kowethu eNkosini 7(kuba sihamba ngokholo, asihambi ngakubona); 8somelele ke, sikholisiwe nokukholiswa kanye kukuba kude nekhaya lethu elisemzimbeni, sibekho kwikhaya lethu eliseNkosini.
9Kungoko sizondelela ukuthi, nokuba sisekhaya, nokuba sikude nekhaya, sibe ngabakholekileyo kuyo. 10Kuba thina aba sonke simelwe kukuthi sibonakalaliswe phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu, ukuze elowo azuziswe okwenziwe ngomzimba, ngoko akwenzileyo, nokuba kokulungileyo, nokuba kokubi.
Uthando, injongo, namandla kaKristu
11Síkwazi njalo ke ukoyikeka kweNkosi, sizamela ukuba beyiseke abantu; síbonakalalisiwe ke kuThixo, ndiyathemba ke ukuba nakuzo izazela zenu sibonakalalisiwe. 12Kuba asibuyi siziyaleze kuni; sininika ithuba lokuzingca ngathi; ukuze nibe nalo ilizwi ngakwabo bazingcayo ngobuso, bengazingci ngantliziyo. 13Kuba, nokuba siyageza, kungenxa kaThixo; nokuba sinengqondo ephilileyo, kungenxa yenu. 14Kuba lusifingile nje uthando lukaKristu, sigqibe kwelokuthi, ukuba ufele bonke emnye, ngoko bafile bonke abo; 15wabafela ke bonke, ukuze abo badla ubomi bangabi sazidlela ubomi, babudlele owafayo wavuka ngenxa yabo.
Ubomi obutsha kuKristu
16Ngoko ke thina, sisusela kweli xesha, asisazi namanye ngokwenyama; nokuba ke besimazi uKristu ngokwenyama, kungoku asisamazi ngokwenyama. 17Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; bonani ke, zisuke zaba ntsha izinto zonke zakhe. 18Zonke izinto ke ziphuma kuThixo, owasixolelanisa naye ngokwakhe ngoYesu Kristu, wasinika ulungiselelo loxolelaniso; 19olu ke lokokuba uThixo waye ekuKristu, elixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi, engazibaleli kubo iziphoso zabo, walimisa kuthi ilizwi loxolelaniso.
Udaba loxolelaniso
20Sizizigidimi ke ngoko ngenxa kaKristu, ngokungathi uThixo uniyala ngathi; siyanikhunga ngenxa kaKristu, manixolelaniswe naye uThixo; 21kuba lowo ungazani nasono, wamenza isono ngenxa yethu, ukuze thina sibe bubulungisa bukaThixo kuye.

Currently Selected:

KWABASEKORINTE II 5: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in