KAPETROS I 5
5
Ukuvuselelwa kwamadoda amakhulu
1Amadoda amakhulu la aphakathi kwenu ndiyawavuselela, ndikwayindoda enkulu kunye nawo, nengqina leentlungu zikaKristu, nedlelane nawo ngobuqaqawuli obuza kutyhileka. 2Walúseni umhlambi kaThixo ophakathi kwenu, niwuvelela, kungengakunyanzelwa, makube ngokokuzithandela; kungengenxa yenzuzo embi, makube ngokuthumekelela; 3kungabi njengabazigagamelayo izahlulo zawo, yibani yimizekelo kumhlambi. 4Nòthi, akubonakala uMalusi oyintloko, nisifumane isithsaba salo uzuko esingabuniyo.
Ukuvuselela ngokuvuselela
5Ngokunjalo, nina manci, wathobeleni amadoda amakhulu. Thobelanani nonke ke, ninxibe ukuthobeka kwentliziyo; ngokuba uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale ke abazithobileyo. 6Zithobeni ngoko ngaphantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo. 7Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele.
8Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 9mchaseni lowo, nizimasekile elukholweni, nisazi ukuba kwaezo ntlungu ziyenzeka kubo abazalwana benu abasehlabathini.
10Ke kaloku uThixo walo lonke ubabalo, owasibizelayo eluzukweni lwakhe olungunaphakade, sikuKristu Yesu, wanga angathi ngokwakhe, nákuba nivé ubunzima umzuzwana, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele. 11Kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
12NgoSilvano, umzalwana othembekileyo, njengoko ndicinga ngako, ndibhale kuni ngokufutshane, ndivuselela, ndingqina ukuba olu lúbabalo oluyinene lukaThixo, nimiyo kulo.
13Liyanibulisa ibandla eliseBhabheli, elinyuliweyo kunye nani; noMarko unyana wam uyabulisa. 14Bulisanani ngolwango lothando.
Uxolo malube kuni nonke enikuKristu. Amen.
Currently Selected:
KAPETROS I 5: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.