YouVersion Logo
Search Icon

KAPETROS I 4

4
Ukulahlwa kwesono
1Ekubeni ngoko uKristu eve ubunzima ngenxa yethu esenyameni, xhobani nani kwaloo ngcingane; ngokuba lowo uve ubunzima esenyameni, ukhunyulwe ekoneni; 2ukuze ixesha eliseleyo enyameni ningabi saliphilela ezinkanukweni zabantu, niliphilele ekuthandeni kukaThixo.
3Kuba lisanele ixesha elidluleyo lokuphila kwethu, esasisenza ukuthanda kweentlanga, sasihamba nje eburheletyweni, ezinkanukweni, ekutshisweni yiwayini, ezindywaleni, emithayini, nasekukhonzeni izithixo, okungekhona esikweni; 4abathe nqa ngako ukuba ningabaleki kunye nabo, ukuya kwakuwo loo melelo wokuzibhubhisa, benyelisa; 5abaya kuphendula kulowo ulungele ukugweba abaphilileyo nabafileyo. 6Kuba ngenxa yoku zashunyayelwa iindaba ezilungileyo nakwabafileyo, ukuze bagwetywe okunene ngokwabantu besenyameni, kodwa badle ubomi ngokukaThixo, bekuwo umoya.
7Ke kaloku ukuphela kwezinto zonke kusondele. Yibani nesidima ngoko, nibe nobungcathu, ukuba nithandaze. 8Ngaphezu kweento zonke ke, yibani nothandano olunyamekileyo, ngokuba uthando luya kugubungela inkitha yezono. 9Bukanani, ningenakukrokra. 10Yithini elowo, njengoko wasamkelayo isipho sokubabalwa, nilungiselelane ngaso, njengamagosa amahle obabalo ngobabalo lukaThixo. 11Ukuba umntu uyathetha, makathethe ngokwezihlabo zikaThixo; ukuba umntu uyalungiselela, makalungiselele ngokwasekomeleleni akuphiwa nguThixo, ukuze ezintweni zonke azukiswe uThixo ngoYesu Kristu, elulolwakhe uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
Ilungelo lokubulaleka ngenxa kaKristu
12Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo okhoyo phakathi kwenu wokunilinga, ngathi nihlelwa yinto yokuthelwa nqa. 13Yithini, njengoko ningamadlelane ngeentlungu zikaKristu, nivuye; ukuze, nasekutyhilekeni kobuqaqawuli bakhe, nivuye nigcoba. 14Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, ninoyolo; ngokuba uMoya wozuko nokaThixo uphumle phezu kwenu; ngokukokwabo okunene uyanyeliswa, kodwa ngokukokwenu uyazukiswa.
15Makungabikho ke bani kuni uva ubunzima ngokombulali, nangokwesela, nangokomenzi wobubi, nangokovelela izinto angatheni nazo. 16Ukuba ke ubani uva ubunzima ngokuba engumKristu, makangadani; makamzukise ke uThixo ngaloo ndawo. 17Ngokuba lixesha lokuba ugwebo luqale ngendlu kaThixo. Ukuba ke luqala ngathi, koba yintoni na ukuphela kwabo bangàzivayo iindaba ezilungileyo zikaThixo? 18Kanjalo ukuba nelungisa eli lisindiswa ngenkankulu, ongahloneli Thixo nongumoni woba phi na? 19Ngoko ke abo babuvayo ubunzima ngokokuthanda kukaThixo, mabayiyaleze kuye imiphefumlo yabo, enguMdali othembekileyo ekwenzeni okulungileyo.

Currently Selected:

KAPETROS I 4: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy