YouVersion Logo
Search Icon

OOKUMKANI I 19

19
UEliya eHorebhe
1UAhabhi wamxelela uIzebhele konke awakwenzayo uEliya, nokubabulala kwakhe abaprofeti bonke ngekrele. 2UIzebhele wathuma umthunywa kuEliya, esithi, Mabenjenje oothixo kum baqokele ukwenjenje, ukuba andithanga, mayela ngeli xa ngomso, ndiwenze umphefumlo wakho ube njengomphefumlo womnye kubo. 3Wabona, wesuka wahambela ukusindisa umphefumlo wakhe.
Waya eBher-shebha, eyeyakwaYuda, wayishiya khona indodana yakwakhe. 4Wahamba entlango uhambo lwemini enye, waya wahlala phantsi konwele, wazicelela ukuba afe, wathi, Kwanele ngoku, Yehova; wuthabathe umphefumlo wam, ngokuba ndingàlungile ngaphezu koobawo. 5Wangqengqa ke, wozela, walala phantsi konwele. Kwabonakala khona isithunywa sezulu simshukumisa, sathi kuye, Vuka udle. 6Wakhangela, nanko kukho ngasentlokweni yakhe iqebengwana elosiweyo lesonka, neselwa lamanzi. Wadla ke, wasela, wabuya walala. 7Sabuya isithunywa sikaYehova okwesibini, samshukumisa, sathi, Vuka udle, ngokuba uhambo lukhulu kuwe. 8Wavuka ke, wadla wasela, wahamba ngamandla oku kudla iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané, wada wafika entabeni kaThixo eHorebhe.
9Waya emqolombeni apho, walala khona. Nalo ilizwi likaYehova lifika kuye. Wathi kuye, Ùyintoni na apha, Eliya? 10Wathi yena, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndasala ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe. 11Wathi, Phuma, ume entabeni phambi koYehova.
Nanko uYehova edlula, nomoya omkhulu onamandla uzikrazula iintaba, uziqhekeza iingxondorha phambi koYehova, engekho uYehova emoyeni lowo. Emveni komoya kwakho inyikima, akabakho uYehova enyikimeni. 12Emveni kwenyikima kwabakho umlilo. Akabakho uYehova emlilweni; emveni komlilo kwabakho ulwandile lokuphephezela okuhle.
13Kwathi, akuva uEliya, wabugqubuthela ubuso bakhe ngengubo yakhe enkulu, waphuma wema esangweni lomqolomba; nanko kufika kuye ilizwi, lisithi, Ùyintoni na apha, Eliya? 14Wathi, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndisele ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe.
15Wathi uYehova kuye, Hamba ubuye ngendlela yakho, uye entlango yaseDamasko, uye uthambise uHazayeli, abe ngukumkani kuma-Aram;• 16uthambise uYehu, unyana kaNimshi, abe ngukumkani kumaSirayeli; uthambise uElisha, unyana kaShafati waseAbhelemehola, abe ngumprofeti esikhundleni sakho. 17Kothi ke, athi osinde ekreleni likaHazayeli, abulawe nguYehu; athi osinde ekreleni likaYehu, abulawe nguElisha. 18Ke ndozishiyela kwaSirayeli isixhenxe samawaka, amadolo onke angaguqanga kuBhahali,• imilomo yonke engamanganga.
UElisha ulandela uEliya
19Wemka ke apho, wafumana uElisha, unyana kaShafati, elima; kukho ishumi elinesibini leedyokhwe phambi kwakhe; yena ke elunge neyeshumi elinesibini. UEliya wegqitha kuye, waphosa ingubo yakhe enkulu kuye. 20Wazishiya iinkabi, wabaleka emva koEliya, wathi, Makhe ndiye kwanga ubawo noma, ndikulandele ke. Wathi kuye, Hamba ubuye; ndikwenzé ntoni na? 21Wabuya ke ekumlandeleni, wazithabatha iinkabi zedyokhwe enye, wabingelela ngazo, wayipheka inyama ngeempahla zeenkabi ezo, wanika abantu, badla. Wesuka ke, walandela uEliya, wamlungiselela.

Currently Selected:

OOKUMKANI I 19: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in