1
OOKUMKANI I 19:12
IZIBHALO EZINGCWELE
Emveni kwenyikima kwabakho umlilo. Akabakho uYehova emlilweni; emveni komlilo kwabakho ulwandile lokuphephezela okuhle.
Compare
Explore OOKUMKANI I 19:12
2
OOKUMKANI I 19:4
Wahamba entlango uhambo lwemini enye, waya wahlala phantsi konwele, wazicelela ukuba afe, wathi, Kwanele ngoku, Yehova; wuthabathe umphefumlo wam, ngokuba ndingàlungile ngaphezu koobawo.
Explore OOKUMKANI I 19:4
3
OOKUMKANI I 19:11
Wathi, Phuma, ume entabeni phambi koYehova. Nanko uYehova edlula, nomoya omkhulu onamandla uzikrazula iintaba, uziqhekeza iingxondorha phambi koYehova, engekho uYehova emoyeni lowo. Emveni komoya kwakho inyikima, akabakho uYehova enyikimeni.
Explore OOKUMKANI I 19:11
4
OOKUMKANI I 19:13
Kwathi, akuva uEliya, wabugqubuthela ubuso bakhe ngengubo yakhe enkulu, waphuma wema esangweni lomqolomba; nanko kufika kuye ilizwi, lisithi, Ùyintoni na apha, Eliya?
Explore OOKUMKANI I 19:13
5
OOKUMKANI I 19:9
Waya emqolombeni apho, walala khona. Nalo ilizwi likaYehova lifika kuye. Wathi kuye, Ùyintoni na apha, Eliya?
Explore OOKUMKANI I 19:9
6
OOKUMKANI I 19:8
Wavuka ke, wadla wasela, wahamba ngamandla oku kudla iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané, wada wafika entabeni kaThixo eHorebhe.
Explore OOKUMKANI I 19:8
7
OOKUMKANI I 19:5
Wangqengqa ke, wozela, walala phantsi konwele. Kwabonakala khona isithunywa sezulu simshukumisa, sathi kuye, Vuka udle.
Explore OOKUMKANI I 19:5
8
OOKUMKANI I 19:7
Sabuya isithunywa sikaYehova okwesibini, samshukumisa, sathi, Vuka udle, ngokuba uhambo lukhulu kuwe.
Explore OOKUMKANI I 19:7
9
OOKUMKANI I 19:10
Wathi yena, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndasala ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe.
Explore OOKUMKANI I 19:10
10
OOKUMKANI I 19:6
Wakhangela, nanko kukho ngasentlokweni yakhe iqebengwana elosiweyo lesonka, neselwa lamanzi. Wadla ke, wasela, wabuya walala.
Explore OOKUMKANI I 19:6
11
OOKUMKANI I 19:2
UIzebhele wathuma umthunywa kuEliya, esithi, Mabenjenje oothixo kum baqokele ukwenjenje, ukuba andithanga, mayela ngeli xa ngomso, ndiwenze umphefumlo wakho ube njengomphefumlo womnye kubo.
Explore OOKUMKANI I 19:2
12
OOKUMKANI I 19:18
Ke ndozishiyela kwaSirayeli isixhenxe samawaka, amadolo onke angaguqanga kuBhahali,• imilomo yonke engamanganga.
Explore OOKUMKANI I 19:18
13
OOKUMKANI I 19:19
Wemka ke apho, wafumana uElisha, unyana kaShafati, elima; kukho ishumi elinesibini leedyokhwe phambi kwakhe; yena ke elunge neyeshumi elinesibini. UEliya wegqitha kuye, waphosa ingubo yakhe enkulu kuye.
Explore OOKUMKANI I 19:19
14
OOKUMKANI I 19:21
Wabuya ke ekumlandeleni, wazithabatha iinkabi zedyokhwe enye, wabingelela ngazo, wayipheka inyama ngeempahla zeenkabi ezo, wanika abantu, badla. Wesuka ke, walandela uEliya, wamlungiselela.
Explore OOKUMKANI I 19:21
15
OOKUMKANI I 19:20
Wazishiya iinkabi, wabaleka emva koEliya, wathi, Makhe ndiye kwanga ubawo noma, ndikulandele ke. Wathi kuye, Hamba ubuye; ndikwenzé ntoni na?
Explore OOKUMKANI I 19:20
Home
Bible
Plans
Videos