YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEKORINTE I 8

8
Ingxaki yamadini ezithixo
1Ke kaloku, ngeendawo zamadini enziwa kwizithixo, ndithi, Siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ukwazi oku kuyakhukhumalisa, ke lona uthando luyakha. 2Ukuba ke umntu uba wazi nto, akakazi nento ngoko amelwe kukwazi ngako. 3Ukuba ke umntu uyamthanda uThixo, lowo uyaziwa nguye.
4Ngako ke ukudliwa kwamadini enziwa kwizithixo, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi ukuba mnye kwaphela uThixo, akukho wumbi. 5Kuba kambe, nokuba kukho ekuthiwa bangoothixo, nokuba kusezulwini, nokuba kuphezu komhlaba (kwanjengokuba kukho oothixo abaninzi, neenkosi ezininzi), kuthi thina mnye uThixo, 6uYise, eziphuma kuye izinto zonke; nathi sikholo yena. Inye iNkosi, uYesu Kristu, ezingayo zonke izinto; nathi singaye.
Ukunyamekela isazela somzalwana obuthathaka
7Ke ukwazi oko akubantwini bonke. Inxenye ke ithi, isenesazela ngesithixo unangoku, idle ngokudliwa kwedini elenziwe kwisithixo, size isazela sabo, siswele amandla nje, sidyobheke. 8Ukudla akusithandisi kuye uThixo; kuba nokuba sithe sadla, asigqithe nganto; nokuba asithanga sidle, asisilele nganto. 9Lumkani ke, hleze elo gunya lenu libe sisiwiso kwabaswele amandla. 10Kuba xa athe ubani wakubona, wena ungonokwazi, uhleli esithebeni etempileni yezithixo, asisayi kuthi na isazela sakhe, eswele amandla nje, somelezelwe ukudla amadini enzelwe izithixo? 11Aze ngokwazi kwakho oko atshabalale umzalwana oswele amandla, awathi uKristu wamfela. 12Nisenjenjalonje ke ukona kubo abazalwana, nísidubule nje isazela sabo esiswele amandla, nona kuKristu.
13Ngenxa yoko ndithi, Ukuba ukudla kuyamkhubekisa umzalwana wam, andisayi kudla nyama naphakade, ukuze ndingamkhubekisi umzalwana wam.

Currently Selected:

KWABASEKORINTE I 8: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in