1
UYOHANE 13:34-35
IBHAYIBHILE
Ndiniwisela umthetho omtsha, ndithi: Thandanani! Njengoko ndinithandileyo mna, nani thandanani kanye ngolo hlobo. Ukuba niyathandana, bonke baya kuqonda okokuba ningabafundi bam.”
對照
探尋 UYOHANE 13:34-35
2
UYOHANE 13:14-15
Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo. Ndinenzele umzekelo, ukuze nani nenze njengoko mna ndinibonisileyo.
探尋 UYOHANE 13:14-15
3
UYOHANE 13:7
Waphendula uYesu wathi kuye: “Okwangoku akukayazi into endiyenzayo, kodwa uza kube uyiqonde.”
探尋 UYOHANE 13:7
4
UYOHANE 13:16
Ndithi kuni, inene, akukho sicaka singaphezu kwenkosi yaso, kungekho nothunyiweyo ongaphezulu kwalowo umthumileyo.
探尋 UYOHANE 13:16
5
UYOHANE 13:17
Nivile ke. Hayi uyolo lwenu xa nithe nawulandela lo mzekelo.
探尋 UYOHANE 13:17
6
UYOHANE 13:4-5
Waza ke uYesu waphakama etafileni, wakhulula isambatho sakhe sangaphezulu, wabhinqa itawuli, wagalela amanzi ekomini, wahlamba iinyawo zabafundi bakhe, ezisula ngetawuli awayeyibhinqile.
探尋 UYOHANE 13:4-5
首頁
聖經
計畫
視訊