UNAWO uMthandazo!预览

UNAWO uMthandazo!

6天中的第1天

SINAWO uMthandazo!

Kuluntu lwale mihla, uninzi lwabantu umthandazo liwuthatha njengento engasebenziyo kwimingeni yobomi. Eneneni, abanye basenokungathandazi konke konke. Abanye basenokuthandaza emva kokuba bezame yonke enye into.

Injongo kaThixo zange ibe yeyokuba ubomi bethu bokuthandaza bube yinto yokugqibela yokoyisa iinzima emva kokuba zonke ezinye izinto sizizamile. Inyaniso yeyokuba uThixo ufuna umthandazo ube yintsika yobomi bawo onke amaKrestu: indawo yokuqala esiya kuyo xa sinemfuno, ingabi yeyokugqibela. Ufuna ukusimamela imini yonke, yonke imihla, ngamaxesha entswelo nawemfuno, nangamaxesha enyhikityha nawenzaliseko. Kwakhona, uThixo ufuna ukusibonisa uthando lwakhe ngeendlela ezininzi ngokusoloko enxibelelana nathi ngelixa sithandaza.

Umthandazo sisitshixo sokubona inguqu eyakhayo ebomini bethu nakokusingqongileyo, kwaye ngundoqo wokusikhulisa kuhambo lwethu noThixo.

“Umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.” EKAYAKOBI 5:16

读经计划介绍

UNAWO uMthandazo!

Fumana imithethosiseko yokwenza ubomi bokuthandaza obunamandla nobusebenzisekayo. Umthandazo – ukuthetha noThixo wena ngenkqu – sisitshixo sokubona inguqu eyakhayo ebomini bethu nakukosingqongileyo.

More