Ivangeli ka‐Johane 10
10
1Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Lowo ungangeniyo ngesango esibayeni sezimvu, koko ekwela ngayimbi indawo, oyena ulisela nebada. 2Kodwa lowo ungenayo ngesango, ungumalusi wezimvu. 3Lo umgcinisango uyamvulela; nelizwi lake izimvu ziyaliva: nezake izimvu uyazibiza ngegama ngegama, azikokele pandle. 4Naxeshekweni aziku̔payo ezake izimvu, uyahamba pambi kwazo; ziti izimvu zimlandele, ngokuba zilazi ilizwi lake. 5Kodwa owasemzini azisayi kumlandela, koko ziya kubaleka kuye; ngokuba zingalazi ilizwi labasemzini.
6Lomzekeliso u‐Yesu wawuteta kubo: kodwa bona abaqonda ukuba zibe zisiti nina ezozinto wabeziteta kubo.
7Wati ngoko u‐Yesu kubo kanjako: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Mna ndililo isango lezimvu. 8Bonke abo abezayo ndingekabiko mna, bangamasela namabada: koko izimvu zingabevanga. 9Mna ndililo isango: xeshekweni umntu angena ngam, uya kusindiswa; waeya kungena apume nokupuma, afumane nedlelo. 10Olisela uyeza ukuba ebe̔, abulale, atshabalalise, kupela: ndeza mna ukuba babe nobomi, nokuba babe nabo ngobuninzi. 11Mna ndinguye umalusi olungileyo: ongumalusi olungileyo ubomi bake uyabubeka pantsi ngenxa yazo izimvu. 12Kodwa ongumqeshwa, engengumalusi nje, lowo izimvu zingezezake, uyayibona incu̔ka isiza, azishiye izimvu, abaleke; ize iti incu̔ka iziqwenge, izici̔te izimvu. 13Kekaloku ongumqeshwa uyabaleka, ngokuba engumqeshwa, engayikataleli izimvu ke. 14Mna ndinguye umalusi olungileyo; nezamizimvu ndiyazazi, kanjalo ndiyaziwa zezam, 15njengokuba ubawo endazi mna, nam ndimazi ubawo; nobomi bam ndiyabubeka pantsi ngenxa yazo izimvu. 16Nezinye izimvu ndinazo, ezingezezakuso isibaya esi; ezo nazo ndifanele ukuzizisa, nelizwi lam ziya kuliva; kwakuya kubako umhlambi umnye, nomalusi emnye. 17Ngenxa yoku ubawo uyanditanda, ukuba ndibubeka pantsi ubomi bam, ukuze ndibuye ndibutabate. 18Akuko mntu ondihluta bona, koko ndibubeka pantsi ngokwam. Ndinegunya lokuba ndibubeke pantsi, ndinegunya lokuba ndibuye ndibutabate kanjalo. Lomyalelo ndawamkela kubawo.
19Kwabako impambano ngoko kanjako pakati kwama‐Juda ngenxa yeziteto ezi. 20Bati ke abaninzi kuwo: Unedemoni, uyageza; yinina ukuba nimve? 21Bati abanye: Lamazwi akangawalowo ungenelwe yidemoni. Idemoni ingavula amehlo abazimfama na?
22KEKALOKU kwabako umtendeleko wokutwasiswa e‐Yerusaleme; bekububusika kanjalo. 23Waye u‐Yesu ebehamba etempileni entendelezweni ka‐Solomone.
24Andula ama‐Juda amngqonga, ati kuye: Uyasibamba sitandabuza kude kube ninina? ukuba unguye u‐Kristu, sixelele ekuhleni.
25Wati u‐Yesu ukuwapendula: Ndanixelela, kanti anikolwa: imisebenzi endiyenzayo egameni likabawo, yona le iyanqi̔na ngam: 26kuloko nina ningakolwayo; ngokuba ningezezakuzo izimvu zam, njengokuba bendisitsho kuni. 27Izimvu zam ziyaliva ilizwi lam, ndiyazazi zona, ziyandilandela mna: 28ndiyazinika nobomi obungunapakade; azisayi kubu̔ba ke napakade, akuyi kubako ozihlutayo esandleni sam kanjako. 29Ubawo ozinikileyo kum, umkulu kubo bonke; akuko namnye ongazihlutayo esandleni sikabawo. 30Mna nobawo sibanye.
31Andula ama‐Juda abuya acola amatye, ukuze amgibisele ngawo.
32Wati u‐Yesu ukuwapendula: Mininzi imisebenzi elungileyo endinibonisileyo ivela kubawo; kungenxa yawupina umsebenzi kuyo enindigibiselayo ngamatye? 33Ampendula ama‐Juda, esiti: Asikugibiseli ngamatye ngenxa yomsebenzi olungileyo, kungenxa yokugxeka u‐Tixo; nangokuba wena, ungumntu nje, uzenza utixo.
34Wati u‐Yesu ukuwapendula: Akuba̔liwe na emtetweni wenu ukutiwa: Ndite: Ningotixo? 35Ukuba abo wati bangotixo, abo ilizwi likatixo leza kubo; (nesiba̔lo asingetshitshiswe;) 36lowo uyise wamngcwalisayo wamtuma elizweni, niti nina ngaye na: Uyagxeka u‐Tixo; ngokuba ndite: Ndingunyana katixo? 37Ukuba andiyenzi imisebenzi kabawo, ningakolwa ndim: 38kodwa ukuba ndiyayenza, nakuba ningakolwayo ndim, kolwani yimisebenzi leyo; ukuze nazi, nikolwe, ukuba ubawo ukum, nokuba mna ndikuye.
39Abefuna ngoko kanjako ukumbamba; kanti wapuma esandleni sawo.
40Waza wemka wabuya waya pesheya kwe‐Yoredane, kulondawo apo u‐Johane ebebapitizesha kona ekuqaleni; wahlala kona ke. 41Baza abaninzi beza kuye, ababesiti: u‐Johane okunene akenza namnye ummangaliso; kodwa zonke ezozinto wazitetayo u‐Johane ngaye lo, zibe ziyinene. 42Baza bakolwa abaninzi kona kuye.
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.