IGENESIS 5

5
Inzala ka-Adam kude kuye kuma kuNowa
1Yiyo le incwadi yenzala ka-Adam. Mhlana uThixo wamdala umntu, wamenza ngokufana noThixo. 2Wadala indoda nenkazana, wabasikelela, wabathiya igama elinguAdam,• mhlana wabadala.
3UAdam wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, wazala unyana ngokufana naye, ngokomfanekiso wakhe, wamthiya igama elinguSete. 4Imihla ka-Adam emveni kokuzala kwakhe uSete yaba yiminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi. 5Iyonke imihla ka-Adam, awahlala ngayo, yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathathu; wafa ke.
6USete wahlala iminyaka elikhulu elinaminyaka mihlanu, wazala uEnoshe. 7USete wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoshe iminyaka emakhulu asibhozo aneminyaka esixhenxe; wazala oonyana neentombi. 8Iyonke imihla kaSete yaba yiminyaka emakhulu asithoba anashumi-nye linamibini; wafa ke.
9UEnoshe wahlala iminyaka emashumi asithoba, wazala uKenan. 10UEnoshe wahlala emveni kokuzala kwakhe uKenan iminyaka emakhulu asibhozo anashumi-nye linamihlanu; wazala oonyana neentombi. 11Iyonke imihla kaEnoshe yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamihlanu; wafa ke.
12UKenan wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uMahalaleli. 13UKenan wahlala emveni kokuzala kwakhe uMahalaleli iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mané: wazala oonyana neentombi. 14Iyonke imihla kaKenan yaba yiminyaka emakhulu asithoba, aneminyaka elishumi; wafa ke.
15UMahalaleli wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uYerede. 16UMahalaleli wahlala emveni kokuzala kwakhe uYerede iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mathathu; wazala oonyana neentombi. 17Iyonke imihla kaMahalaleli yaba yiminyaka emakhulu asibhozo, anamanci asithoba anamihlanu; wafa ke.
18UYerede wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathandathu anamibini, wazala uEnoki. 19UYerede wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoki iminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi. 20Iyonke imihla kaYerede yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathandathu anamibini; wafa ke.
21UEnoki wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uMethusela. 22UEnoki wahamba noThixo, emveni kokuzala kwakhe uMethusela, iminyaka emakhulu mathathu; wazala oonyana neentombi. 23Iyonke imihla kaEnoki yaba yiminyaka emakhulu mathathu, anamanci mathandathu anamihlanu. 24UEnoki wahamba noThixo; akabakho, ngokuba uThixo wamthabatha.
25UMethusela wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anesixhenxe, wazala uLameki. 26UMethusela wahlala emveni kokuzala kwakhe uLameki iminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asibhozo anamibini; wazala oonyana neentombi. 27Iyonke imihla kaMethusela yaba yiminyaka emakhulu asithoba, anamanci mathandathu anesithoba; wafa ke.
28ULameki wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anamibini; wazala unyana. 29Wamthiya igama elinguNowa,• esithi, Lo uya kusithuthuzela emsebenzini wethu, nasekubulalekeni kwezandla zethu, ngenxa yomhlaba awawuqalekisayo uYehova. 30ULameki wahlala emveni kokuzala kwakhe uNowa iminyaka emakhulu mahlanu anamanci asithoba anamihlanu; wazala oonyana neentombi. 31Iyonke imihla kaLameki yaba yiminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asixhenxe anesixhenxe; wafa ke.
32Ke uNowa ebeminyaka imakhulu mahlanu ezelwe; uNowa wazala ooShem noHam noYafete.

ప్రస్తుతం ఎంపిక చేయబడింది:

IGENESIS 5: XHO75

హైలైట్

షేర్ చేయి

కాపీ

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in