I‐Genesise 6:1-4

I‐Genesise 6:1-4 XHO1902A

KWAYE kute, bakuba abantu sebeqalile ukwanda pezu kwomhlaba, nokuba babezalelwe intombi, bandula onyana BAKATIXO babona intombi zabantu ukuba zintle, bazizekela abafazi kuzo zonke abaziqashayo. Waza wati UYEHOVA: U‐Moya wam akayi kumana epikisana nomntu ngonapakade, kwa sekubeni eyinyama yena; kodwa imihla yake yoba yiminyaka ibe likulu elinamashumi mabini. Yabiko imindondosholo emhlabeni ngezontsuku; nakanjako emveni kwoko, xeshekweni onyana BAKATIXO bangena kuzo intombi zabantu, zaza zazala abantwana kubo: abati bona baba ngamaṙoti abengawakudala, amadoda adumileyo.

I‐Genesise 6 वाचा