I‐Genesise 3

3
1KEKALOKU inyoka ibinamaqokolo ngapezu kwazo zonke izilo zasendle, abezenzile uyehova utixo. Yada yati emfazini: Kanene utshilo na utixo ukuti: Aniyi kutya kuyo yonke imiti yalomyezo? 2Waza wati umfazi enyokeni: Singatya kuso isiqa̔mo semiti yalomyezo; 3kanti isiqa̔mo somti opakati emyezweni, utshilo utixo ukuti: Ningatyi kuso, ningabi nakusicukumisa kanjalo, hleze nife. 4Yandula yati inyoka emfazini: Aniyi kufa ngokufa; 5ngokuba esazi utixo, okokuba noti, mhlana nitya kuso, nandule nigabuke amehlo enu, naniya kuba njengotixo, nikwazi nje okulungileyo nokukohlakeleyo. 6Wati akubona umfazi ukuba umti lowo umnandi ukutyiwa, nokuba utandeka emehlweni, kwa umti onokukanukwa ukulumkisa, wandula watabata kwisiqa̔mo sawo, watya ke; wanika nendoda yake kunye naye, eyatya nayo. 7Andula ukugatyulwa amehlo abo bobabini, baqonda ukuba bazé; bati ngoko batungelanisa amagqabi omkiwane, bazenzela imibinqo.
8Kwaye kute ekubeteni kwempepo, baliva ilizwi likayehova utixo, ehamba emyezweni: baza u‐Adame nomfazi wake bazimela ubuso bukayehova utixo, pakati kwemiti yomyezo. 9Waye uyehova utixo embiza u‐Adame, wati kuye: Upina? 10Wati yena: Ilizwi lako ndaliva emyezweni, ndaza ndoyika, ngokuba ndizé; ndazimela ngoko. 11Wayesiti: Utyelwe ngubanina ukuba uzé? Utyile na kulomti endandikuyalela ngawo ukuba ungatyi kuwo? 12Wati u‐Adame: Umfazi, lo ubumnika abe nam, nguye owandinika kulomti, ndide ndatya. 13Waza uyehova utixo wati emfazini: Kuyinto nina oku ukwenzileyo? Wati umfazi: Inyoka yandikohlisa, ndaza ndatya.
14Wandul’ ukuti uyehova utixo enyokeni: Ngokokuba ukwenzile oku, uqalekisiwe wena pezu kwazo zonke inkomo, napezu kwazo zonke izilo zasendle; uya kuhamba ngesisu, utye utuli yonke imihla yokudla kwako ubomi: 15ndandiya kumisa ubutshaba pakati kwako nomfazi, napakati kwenzalo yako nenzalo yake; iya kukutyumza intloko yona, uti wena uyityumze isitende.
16Wati kumfazi: Ndiya kwandisa kakulu usizi lwokumita kwako; uya kuzala abantwana ngosizi; kwoti ukukanuka kwako kube ngasendodeni yako, iti yona ikwongame.
17Wayesiti ku‐Adame: Ngokokuba ubupulapula ilizwi lomfazi wako, watya kulomti ndabendikuyalela ngawo, ndisiti: Ungatyi kuwo; uqalekisiwe umhlaba ngenxa yako; uya kutya okwawo ngosizi yonke imihla yokudla kwako ubomi. 18Kanjalo ameva namakakakaka uya kuwahlumisela kuwe; wauya kutya umfuno wasendle. 19Ngokubila kwobuso bako uya kutya isonka, ude ubuyele emhlabeni; ngokuba kwa kuwo ubucatshulwa: ngokuba ulutuli wena, wauya kubuyela elutulini kanjako.
20Waye u‐Adame wambiza umfazi wake ngegama elingu‐Eva#3:20 Oko kukuti: Opilileyo.; ngokuba yena ebengunina wabo bonke abapilileyo.
21Kanjalo uyehova utixo wenzela u‐Adame nomfazi wake ingubo zezintsu, wabambatisa.
22Wayesiti uyehova utixo: Bona ke, umntu ude waba njengomnye wakuti, ukwazi okulungileyo nokukohlakeleyo; nakaloku, ukuze angoluli isandla sake, atabate nakumti wobomi, atye nokutya, ade apile kude kube ngunapakade:— 23ngako uyehova utixo wamkupa emyezweni wase‐Hedeni, ukuze alime umhlaba abecatshulwe kuwo. 24Waza wamgxotela pandle umntu; wazimisa ngasempumalanga yomyezo wase‐Hedeni ikerubime, nesiṙele esibulangatye esijikajikayo, kuze kugcinwe indlela yawo umti wobomi.

सध्या निवडलेले:

I‐Genesise 3: XHO1902A

ठळक

सामायिक करा

कॉपी करा

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy