1
UYOHANE 6:35
IBHAYIBHILE
Wathi kubo uYesu: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe.
Харьцуулах
UYOHANE 6:35 г судлах
2
UYOHANE 6:63
NguMoya onika ubomi; ke wona amandla omntu akancedi lutho ekunikeni ubomi. Amazwi endiwathethileyo kuni ngakaMoya, anika ubomi.
UYOHANE 6:63 г судлах
3
UYOHANE 6:27
Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.”
UYOHANE 6:27 г судлах
4
UYOHANE 6:40
Okufunwa nguBawo kukuba wonke ombonayo uNyana akholwe kuye, abe nobomi obungapheliyo; ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.”
UYOHANE 6:40 г судлах
5
UYOHANE 6:29
Waphendula uYesu, wathi kubo: “Umsebenzi uThixo afuna niwenze ngulo wokuba nizinikele nikholwe kulowo uThixo amthumileyo.”
UYOHANE 6:29 г судлах
6
UYOHANE 6:37
Bonke endibanikwe nguBawo, baya kuza kum. Ke lowo uzayo kum andingekhe ndingamamkeli
UYOHANE 6:37 г судлах
7
UYOHANE 6:68
Waza waphendula uSimon Petros wathi: “Nkosi, singaya kubani, inguwe nje onamazwi angawobomi obungapheliyo?
UYOHANE 6:68 г судлах
8
UYOHANE 6:51
Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.”
UYOHANE 6:51 г судлах
9
UYOHANE 6:44
Akukho namnye unokuza kum engathanga uBawo owandithumayo amtsalele kum; kwaye lowo ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.
UYOHANE 6:44 г судлах
10
UYOHANE 6:33
Isonka esivela kuThixo ngulowo wehlayo evela ezulwini, eze kulinika ubomi ihlabathi.”
UYOHANE 6:33 г судлах
11
UYOHANE 6:48
Ndim isonka sobomi.
UYOHANE 6:48 г судлах
12
UYOHANE 6:11-12
Wazithatha ke uYesu ezo zonka, wabulela kuThixo, wababela abantu ababehleli phantsi. Wenjenjalo nakwiintlanzi, baza batya banela. Bakuhlutha abantu, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Qokelelani okuseleyo. Makungabikho nentwana emoshakalayo.”
UYOHANE 6:11-12 г судлах
13
UYOHANE 6:19-20
Kwathi, bakuba begqibe iikhilomitha ezintlanu okanye ezintandathu bebheqa isikhitshana, babona nanko uYesu ehamba phezu kwamanzi olwandle, esondela. Boyika ke, kodwa uYesu wathi kubo: “Ndim; sanukoyika.”
UYOHANE 6:19-20 г судлах
Нүүр хуудас
Библи
Тѳлѳвлѳгѳѳнүүд
Бичлэгүүд