Лого на YouVersion
Икона за пребарување

IGENESIS 7

7
Unogumbe
1Wathi uYehova kuNowa, Ngena, wena nendlu yakho yonke, emkhombeni, ngokuba ndibona wena ilungisa phambi kwam kwesi sizukulwana. 2Kwizinto zonke ezizitho ziné ezihlambulukileyo, thabathela kuwe ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi yayo; kwizinto ezizitho ziné eziziinqambi thabatha ngambini, inkunzi nemazi yayo; 3nakwiintaka zezulu ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi, ukuze imbewu igcinakale ehlabathini lonke. 4Kuba zisesixhenxe iintsuku, ndíze ndinise imvula ehlabathini iimini zibe mashumi mané nobusuku obumashumi mané, ndiyicime into yonke emiyo endayenzayo, ingabikho phezu kwehlabathi.
5Wenza uNowa konke uYehova awamwisela umthetho ngako.
6UNowa waye eminyaka imakhulu mathandathu ezelwe, wabakho unogumbe wamanzi ehlabathini. 7Wangena uNowa emkhombeni, enoonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye, ngenxa yamanzi onogumbe. 8Kuzo izinto ezizitho ziné ezihlambulukileyo, nakuzo izinto ezizitho ziné eziziinqambi, nakuzo iintaka, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni, 9kwangena ngambini, ngambini, kuNowa emkhombeni, inkunzi nemazi, njengoko uThixo abemwisele umthetho uNowa.
10Kwathi emva kweentsuku ezisixhenxe, amanzi onogumbe abakho ehlabathini. 11Ngomnyaka wamakhulu omathandathu wokudla ubomi kukaNowa, ngenyanga yesibini, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, kanye ngayo loo mini, yagqabhuka yonke imithombo yamanzi enzonzobila enkulu, iingcango zezulu zavuleka. 12Wabakho umvumbi wemvula ehlabathini iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané.
13Wangena emkhombeni kwangaloo mini uNowa, noShem noHam noYafete, oonyana bakaNowa, nomkaNowa, nabafazi bobathathu boonyana bakhe, ndawonye naye. 14Bòna, neento zonke eziphilileyo ngohlobo lwazo, nezinto zonke ezizitho ziné ngohlobo lwazo, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni ngohlobo lwazo, neentaka zonke ngohlobo lwazo, iinto zonke eziphaphazelayo, 15ezinamaphiko, zangena kuNowa emkhombeni, ngambini, ngambini, kwinyama yonke enomoya wokuphila kuyo. 16Zangena iinkunzi neemazi kwinyama yonke; zangena njengoko uThixo abemwisele umthetho. UYehova wamvalela ngaphakathi.
17Yaba ngunogumbe imihla emashumi mané ehlabathini, enyuka amanzi, awufukula umkhombe, wafunquleka emhlabeni. 18Aba namandla amanzi, enyuka kunene ehlabathini, wahamba umkhombe phezu kwamanzi. 19Aba namandla amanzi kunene kakhulu ehlabathini, zagutyungelwa zonke iintaba eziphakamileyo kakhulu, eziphantsi kwamazulu onke. 20Aba namandla amanzi, ada aba ziikubhite• ezilishumi elinantlanu, ethabathela phezulu; zagutyungelwa ke iintaba.
21Yaphuma umphefumlo yonke inyama enambuzelayo emhlabeni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho ziné, nakwizinto eziphilileyo, nakwinyakanyaka yonke enyakazelayo emhlabeni, nabantu bonke. 22Iinto zonke ezikuphefumla komoya wokuphila kusemathatheni azo, kwiinto zonke ezisemhlabeni owomileyo, zafa. 23Zabhujiswa ke izinto zonke ezimiyo, eziphezu komhlaba, kwathabathela emntwini kwesa ezintweni ezizitho ziné, nasezinambuzaneni, nasezintakeni zezulu; zabhujiswa azabakho ehlabathini; kwasala uNowa yedwa, nababenaye emkhombeni. 24Aba namandla amanzi ehlabathini imihla elikhulu elinamanci mahlanu.

Селектирано:

IGENESIS 7: XHO75

Нагласи

Сподели

Копирај

None

Дали сакаш да ги зачуваш Нагласувањата на сите твои уреди? Пријави се или најави се