Ivangeli ka‐Luke 9

9
1WATI kekaloku wababizela ndawonye kuye abadisipile bake abalishumi linababini, wabanika amandla negunya pezu kwazo zonke idemoni, nokuba bapilise izifo. 2Waza wabatuma ukuya kushumayela ubukumkani bukatixo, nokupilisa abafayo, 3wati kubo: Ningapati nto ibe yeyendlela; ningazipati intonga, nenxowa, nesonka, nemali; ningabi nazo ingubo mbini ngabanye kanjalo. 4Nendlu enisukuba ningena kuyo, hlalani kona, nimke nakona. 5Nabasukuba benganamkeli nina, niti nakupuma kwesosixeko, nivutulule notuli ezinyaweni zenu, kube sisinqi̔no ngakubo. 6Bapuma ke bacanda izixeko ngezixeko, beshumayela ivangeli bepilisa nokupilisa ezindaweni zonke.
7Kekaloku u‐Herodi inkosi weva zonke izinto ezibe zisenziwa nguye; wayexakekile, ngokuba kube kusitwa ngabanye: u‐Johane uvukile ekufeni; 8nangabanye: u‐Elija ubonakele; nangabanye: Owabaprofite bakudala ubuye wavuka. 9Waza wati u‐Herodi: u‐Johane ndandimnqumla intloko; kodwa ungubanina lo, endiziva ngaye izinto ezinje? Wabefuna ukumbona ke.
10Bati abapostile bakubuya, bambalisela konke ababekwenzile. Waza wabatabata naye, wapambukela ngasese endaweni elubala yasesixekweni esibizwa nge‐Betesayida. 11Zati izihlwele zakwazi, zamlandela; waza wazamkela, wateta kuzo ngobukumkani bukatixo, nabo babeswele ukupiliswa wabapilisa.
12Kekalolu imini yaqala ukusangana; baza abalishumi linababini beza bati kuye: Sindulule isihlwele; baze bemke baye emizini epahlayo nasemapandleni, balalise, bafumane nento yokutya; ngokuba apa sisendaweni elubala. 13Kodwa wati kubo: Bapeni nina ukuba batye. Baza bati: Asinanto epezu kwezonka ezihlanu nentlanzi ezimbini, ukuba asiti umhlaumbi siye sitengele bonke ababantu ukudla. 14Ngokuba ebengati amadoda ngamawaka amahlanu. Wayesiti kubadisipile bake: Bahlaliseni pantsi ngamaqela, ngawamashumi mahlanu. 15Benje njalo ke, babahlalisa pantsi kwa bonke. 16Waza watabata izonka zozihlanu nentlanzi zombini, wakangela ngasezulwini, wazitamsanqelisa, waqezula, wanikela kubadisipile babeke pambi kwesihlwele. 17Batya bahluta bonke: kanjalo kwasuswa amaqezu aseleyo kubo, izitya zazilishumi linazibini.
18KWAYE kute xeshekweni ebeyedwa etandaza, bebeko naye abadisipile bake: waza wabuza kubo, esiti: Ngubanina ziti izihlwele ndinguye? 19Bapendula bati: Kutwa ngu‐Johane umbapitizeshi; bati kodwa abanye ngu‐Elija; bati nabanye: Omnye wabaprofite bakudala ubuye wavuka. 20Wayesiti kubo: Kodwa ngubanina eniti nina ndinguye? Wapendula u‐Petrosi wati: Ngu‐Kristu katixo. 21Waza wabayala kakulu, wayalela ukuba mabangaxeleli mntu oku, 22esitsho ukuti: Unyana wesintu ufanele ukuva intlungu ezininzi, nokulahlwa ngabo abadala nabaperisite abakulu nababa̔li, nokubulawa, nokuvuswa ngomhla wesitatu.
23Wabesiti kanjalo kubo bonke: Ukuba umntu uyafuna ukuza emva kwam, makazikanyeze, apate ikuruse yake imihla ngemihla, andilandele. 24Ngokuba lowo usukuba efuna ukulondoloza ubomi bake, buya kumlahleka; nosukuba elahlekana nobomi bake ngenxa yam, oyena wobulondoloza. 25Ngokuba kuya kunceda nto nina umntu, akulizuza ilizwe lonke, wati yena ngokwake walahleka, umhlaumbi wazizuzela ingozi? 26Ngokuba lowo usukuba enentloni ngam nangamazwi am, oyena unyana wesintu woba nentloni ngaye, akuza ebungcwaliseni bake, nako boyise, nakobengelosi ezingcwele. 27Kodwa nditi kuni ngokwenyaniso: Bako inxenye yabemiyo apa, abangasayi kuva ukufa, bade babone ubukumkani bukatixo.
28Kwaye kute intsuku zingati zisibozo emveni kweziziteto, watabata naye u‐Petrosi, no‐Johane, no‐Yakobi, wenyukela entabeni ukuya kutandaza. 29Kwati ekutandazeni kwake ukubonakala kwobuso bake kwenziwa ngakumbi, nokuvata kwake kwaba kubengezela ngokumhlope. 30Kekaloku bona ke, amadoda amabini ebeteta naye, abe engu‐Mosesi no‐Elija; 31ababonakalayo ebungcwaliseni, bateta ngokufa kwake abeza kukufeza e‐Yerusaleme. 32Kodwa u‐Petrosi nabo bebenaye babe benzima bubutongo: bati bakuvuka, babona ubungcwalisa bake, namadoda lawo omabini abemi naye. 33Kwaza kwati, nxa abesahlukana naye, wati u‐Petrosi ku‐Yesu: Nkosi! kulungile ukuba sibe lapa; masenze ke amapempe abe matatu, elinye libe lelako, elinye libe lelika‐Mosesi, elinye libe lelika‐Elija; engazi into ayitetayo. 34Kekaloku nxa ebesitsho, kwafika ilifu labasibekelela; boyika ke bakungena abo elifini. 35Kanjalo ilizwi lavela elifini, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo; mveni yena. 36Lati lakuba lidlule ilizwi, wafunyanwa u‐Yesu eyedwa. Baza bona bati cwaka, abatyela mntu kanjako kwezontsuku nanye yezozinto bazibonileyo.
37Kwaye kute ngomhla olandelayo, bakuba behlile entabeni, samkaulela isihlwele esikulu. 38Kekaloku bona ke, indoda yasesihlweleni yamemeza, isiti: Mfundisi! ndiyakukunga, kangela unyana wam; ngokuba ekupela kwomntwana wam. 39Uti, bona ke, umoya ambambe, asuke akale ke; kanjalo uyamṙuzula ade abe nokuxapa amagwebu, aze ati emapula nje emke kuye ngento enzima: 40ndaza ndakunga abadisipile bako, ukuba mabamku̔pe; bakohlwa ke. 41Wapendula u‐Yesu wati: Sizukulwana esingakolwayo ezigwenxa! ndobako kuni ndininyamezele kude kube ninina? zisela apa unyana wako. 42Kekaloku nxa ebeseza, yamti kahla idemoni, yamṙuzula. Koko u‐Yesu watetisa umoya onco̔lileyo, wapilisa umfana, wamnikela kanjako kuyise. 43Babemangaliswa ke bonke pezu kwobukulu bukatixo.
Kanti bakuba bonke bebetela nqa zonke ezozinto wazenzayo u‐Yesu, wati kubadisipile bake: 44Wabekeleni nina lamazwi indlebe zenu: ngokuba unyana wesintu eza kunikelwa ezandleni zabantu. 45Kodwa bebengaqondi isiteto esi; saye sibafihlelwe, bada abasiva; bebesoyika ukumbuza ngesiteto esi kanjalo.
46Kwaye kuvuka impikisano pakati kwabo, yokuti, ngubanina wakubo ongaba mkulu kwabanye. 47Wati u‐Yesu wabona ukucamanga kwentliziyo yabo, wabamba umntwana, wammisa ngakuye, 48waza wati kubo: Osukuba esamkela lomntwana egameni lam, uyamkela mna; nosukuba esamkela mna, uyamkela lowo wanditumayo: ngokuba lowo umncinane kwabanye pakati kwenu nonke, nguye oya kuba mkulu.
49Waza wapendula u‐Johane wati: Nkosi! sabona umntu eziku̔pa idemoni egameni lako; saza samalela, ukuba engalandeli nati. 50Wayesiti u‐Yesu kuye: Ningamaleli; ngokuba ongalani nati engecala letu.
51KWAYE kute nxa ibisel’ ifika imihla yokunyuselwa kwake, wati yena wabekisa ubuso bake ukuya e‐Yerusaleme. 52Waza watuma izitunywa pambi kwobuso bake; ezaya zangena emzini wama‐Samariya, ukuze zimlungisele. 53Akamamkela ke, kuba ubuso bake bebusinga e‐Yerusaleme. 54Baza abadisipile bake u‐Yakobi no‐Johane, bakubona oko, bati: Nkosi! uyatanda na sixele ukuba umlilo uhle ezulwini, uwagqibele, njengokuba no‐Elija wenje njalo? 55Kodwa wajika wabatetisa, wati nokuti: Anazi ukuba ningabomoya omnina; 56ngokuba unyana wesintu engezanga ukububisa ubomi babantu, koko eze ukubulondoloza. Baza baya kwomnye umzi.
57Kwaye kute ekuhambeni kwabo endleleni, watsho umntu otile kuye ukuti: Ndokulandela, apo usukuba uhambela kona, Nkosi! 58Waza u‐Yesu wati kuye: Impungutye zineminxu̔ma, nentaka zezulu zinendawo zokuhlala; kanti unyana wesintu akanandawo apo angalalisa kona intloko.
59Wayesiti kwomnye: Ndilandele. Kodwa wati: Nkosi! ndivumele ukuba ndihambe nditi tanci ndiye kuncw̔aba ubawo. 60Koko u‐Yesu wati kuye: Yekela abafileyo ukuncw̔aba abafileyo bakowabo; kodwa wena hamba uye ushumayele ubukumkani bukatixo.
61Wati ke nomnye: Ndokulandela, Nkosi! kodwa kuqala ndivumele ukuba ndiye kubulisa abesendlwini yam. 62Koko u‐Yesu wati kuye: Akuko mntu oti, esibekile isandla sake epuluweni, ekangela ngasemva, alungele ubukumkani bukatixo.

Pati Souliye

Pataje

Kopye

None

Ou vle gen souliye ou yo sere sou tout aparèy ou yo? Enskri oswa konekte