Ivangeli ka‐Luke 5
5
1KWAYE kute xeshekweni isihlwele sibe simxingisa ukuza kuva ilizwi likatixo, ebemi yena ngaselwandlana lwe‐Genesarete, 2wabona inqanawa zambini zimi ngaselwandlana apo; kodwa abalobi bentlanzi bebepumile kuzo, bahlanza intambo zabo. 3Wati engene kwenye yenqanawa, kuleyo ebiyeka‐Simone, wamtandaza ukuba makaqu̔be emhlabeni kube mganyana: waza wahlala pantsi, wafundisa izihlwele esenqanaweni.
4Kekaloku nxa abepezile ukuteta, wati ku‐Simone: Qu̔belani enzulwini, nihlise intambo zenu kulotywe. 5Waza wapendula u‐Simone wati kuye: Nkosi! ngobubusuku bonke sisebenzile singabambanga nto; kodwa ngelizwi lako ndiya kuhlisa utambo. 6Bati bakwenje njalo, bavingcela ndawonye into eninzi kakulu yentlanzi; lwafun’ ukuqauka ke utambo lwabo. 7Baza bakobela abalingane babo ababekwenye inqanawa, ukuba beze bancedane nabo. Basuka beza; baza bazalisa inqanawa zombini, zada zafun’ ukutshona. 8Wati u‐Simone Petrosi akubona oko, wawa pantsi ngasemadolweni ka‐Yesu, esiti: Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi! 9Ngokuba ebebanjwe kukuti nqa, nabo bonke abebenaye, pezu kwokulotywa kwentlanzi ababekulobile: 10bebenjalo kwa no‐Yakobi no‐Johane, onyana baka‐Zebedi, abebengamakolwane no‐Simone. Waza u‐Yesu wati ku‐Simone: Ungoyiki; emveni kwakaloku nje woba ubamba abantu. 11Bati bakuba bezifikisile inqanawa ngasemhlabeni, bashiya kwa konke, bamlandela.
12Kwaza kwati, xeshekweni ebesesixekweni esitile, kekaloku bona ke, indoda ezele sisilepero ibikona; eyati yakubona u‐Yesu, yawa ngobuso, yamkunga, isiti: Nkosi! ukuba uyatanda, ungandihlambulula. 13Waza wasolula isandla, wayicu̔kumisa, esitsho ukuti: Ndiyatanda; hlambuluka. Sati ke kwa oko semka kuyo isilepero sayo. 14Waza wayiyalela ukuba ingamxeleli mntu: kodwa yiya uzibonakalise kumperisite, unikele ngenxa yokuhlanjululwa kwako, njengokuba wabeyalela u‐Mosesi, kube sisinqi̔no kubo. 15Koko bekuhanjiswa ngakumbi indaba ngaye: zaza zabutana izihlwele ezikulu ukuza kuva, nokupiliswa nguye ezilwelweni zazo. 16Wabesiti kodwa yena wapambukela ezindaweni ezilubala, watandaza.
17Kwaza kwati ngemini etile, nxa abefundisa yena, babe behleli kona abafarisi nabafundisimteto, abebevele kuyo yonke imizi yase‐Galili, nase‐Judeya, nase‐Yerusaleme: kanjalo amandla enkosi ebeko ukubapilisa. 18Kekaloku bona ke, amadoda atile abezisa pezu kwoku̔ko umntu obenesifo sokushwabanisa, afuna ukumngenisa nokumbeka ebusweni bake. 19Aza ati, engafumananga indawo angamngenisayo ngayo ngenxa yesihlwele, enyukele pezu kwentungo yendlu, amhlisa ngezitene zokufulela kunye noku̔ko lwake, ambeka pakati apo pambi kwo‐Yesu. 20Waza wabona ukolo lwawo, wati kuye: Mntundini! uxolelwe izono zako. 21Baza ababa̔li nabafarisi baqala ukucamanga, besiti: Ngubanina lo uziteta ingxeko? ngubanina ongazixolelayo izono, kupela utixo yedwa? 22Wazinakana u‐Yesu izicamango zabo, wapendula wati kubo: Nicamanga nto nina ezintliziyweni zenu? 23okona kulula kukupina; ukuti: Uxolelwe izono zako; ukuti: Suka, uhambe; kusinina? 24kodwa ukuze nazi ukuba unyana wesintu unegunya emhlabeni ukuxolela izono, (wati konesifo sokushwabanisa:) nditi kuwe: Suka, upate uku̔ko lwako, uye endlwini yako. 25Waselesuka ke ebusweni babo, wapata lonto wabelele pezu kwayo, wemka waya endlwini yake, edumisa utixo. 26Baza kwa bonke babanjwa kukuti nqa, badumisa utixo; bazaliswa kukwoyika kanjalo, besiti: Sibone into ezimangalisayo namhla nje.
27Wati emveni kwezizinto wapuma, wabona umbuti weminikelo, ogama lingu‐Levi, ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, wati kuye: Ndilandele. 28Washiya konke ke, wesuka, wamlandela. 29Waza u‐Levi wamenzela isidlo esikulu endlwini yake: kwaye kuko umhlambi omkulu wababuti beminikelo, nowabanye, abebehleli pantsi nabo. 30Baza ababa̔li bakubo, kwa nabafarisi, baṙoṙa kubadisipile bake, besiti: Kunganina ukuba nitye nisele kunye nababuti beminikelo naboni? 31Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Abapilileyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo. 32Andizanga ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke.
33Kekaloku bati kuye: Kunganina ukuba abadisipile baka‐Johane bazile ukutya futi, benze nezikungo, kwa nababa‐Farisi kanjalo, kanti abako bayatya basele? 34Koko wati kubo: Usapo lwenkambili yomtshakazi ningalwenza luzile ukutya na, oko umyeni analo? 35Kodwa iya kuza imihla nokuya umyeni aya kususwa kulo; luya kwandula luzile ukutya kuleyomihla ke. 36Wabeteta nomzekeliso kubo, esiti: Akuko mntu ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye, iti entsha iṙazule endala, nakanjako isiziba esisesentsha asilungelelani nendala. 37Kanjalo akuko mntu uta̔ iveyine entsha ezintsubeni ezindala; okanye, iveyine entsha yozigqoboza intsuba, ize ipalale yona, zitshabalale nentsuba; 38koko iveyine entsha ifanel’ ukuti̔wa ezintsubeni ezikwa zintsha, zandul’ ukugcinwa zombini. 39Kanjalo akuko mntu oti akuba esele iveyine endala, asuke afune entsha; ngokuba esiti: Endala igqitisile ngokulunga.
Chwazi Kounye ya:
Ivangeli ka‐Luke 5: XHO1902A
Pati Souliye
Pataje
Kopye
Ou vle gen souliye ou yo sere sou tout aparèy ou yo? Enskri oswa konekte
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.