Ivangeli ka‐Luke 18
18
1Wabeteta nomzekeliso kubo wokuti kufanele ukuba kutandazwe futi, kungadinwa, 2esiti: Kube kuko umgwebi otile esixekweni esitile, obengamoyiki utixo, obengamhloneli nomntu. 3Kube kuko nomhlolokazi kwesosixeko, owaman’ esiza kuye, esiti: Ndilungise elutshabeni lwam. 4Kwaza kwamzuzu engavumi; kodwa kamva wati pakati kwake: Nakuba utixo ndingamoyiki, nomntu ndingamhloneli, 5ndiya kuti noko, ngenxa yokuba endika taza umhlolokazi lo, ndimlungise, hleze ati ehlala esiza andiqekeze intloko. 6Yaza yati inkosi: Yivani oko kutetwa ngumgwebi ongalungileyo. 7Notixo akayi kulungisa abaqashwa bake na, abakalela kuye emini nasebusuku, nangona enza kade pezu kwabo? 8Nditi kuni: Wobalungisa kamsinya. Kodwa noko, akuza unyana wesintu, wolufumana ke na ukolo emhlabeni?
9Kanjalo wawuteta nakwabatile abazitembelayo ukuba balungile, badela abanye, umzekeliso lo: 10Abantu ababini benyukela etempileni ukuya kutandaza, omnye engumfarisi, omnye engumbuti weminikelo. 11Umfarisi wema wenje nje ukutandaza ngokwake: Tixo! ndiyakubulela ukuba ndingenjengabo abanye abantu, abapangi, abangalungileyo, abaṙexezi, ndingenjengaye nalombuti weminikelo. 12Ndiyazila ukutya kabini ngeveki; ndiyanika izishumi zako konke endikuzuzayo. 13Nombuti weminikelo, emi kude, ebengavumi nokuba apakamise amehlo ngasezulwini; koko ebebeta esifubeni sake, esiti: Tixo! yiba nofefe kum endingumoni. 14Nditi kuni: Wehla lo waya endlwini yake egwetyelwe, ngapezu kwalowa: ngokuba osukuba ezipakamisa, uya kutotywa; kanti ozitobayo, uya kupakanyiswa.
15KEKALOKU bazisa kuye nentsana, ukuze azicu̔kumise: bati ke abadisipile, bakubona, babatetisa. 16Kodwa u‐Yesu wazibiza, wati: Vumelani abantwana ukuza kum, ize ningabaleli; ngokuba ubukumkani bukatixo bubobabanjalo. 17Ngokwenene nditi kuni: Osukuba engamkeli ubukumkani bukatixo njengomntwana, akasayi kuza angene kubo.
18Waza umpati otile wambuza, esiti: Mfundisi olungileyo! ndiya kulidla ilifa lobomi obungunapakade ndakuba ndenze nto nina? 19Wayesiti u‐Yesu kuye: Yinina ukuba uti ndingolungileyo? akuko olungileyo, kupela umnye, o ngutixo. 20Imiyalelo uyayazi: Akuyi kuṙexeza; akuyi kubulala; akuyi kuba̔; akuyi kunqi̔na ubunqi̔na obubuxoki; beka uyihlo nonyoko. 21Wati yena: Ezizinto zonke ndizibambile kwa sebutsheni bam. 22Waza u‐Yesu akuva oku wati kuye: Inye into esaswelekileyo kuwe: tengisa ngako konke osukuba unako, wabele amahlwempu, wauya kuba nendyebo ezulwini; uze ke, ulandele mna. 23Wati ke akuva oku, waba lusizi kakulu; ngokuba ebetyebile kakulu.
24Waza u‐Yesu, akubona ukuba waba lusizi kakulu, wati: Kungento enqabileyo kangakananina ukuba abo banobutyebi baya kungena ebukumkanini bukatixo! 25Ngokuba kulula ukuba inkamela ipumele entunjeni yesinalite, pezu kwokuba isityebi singene ebukumkanini bukatixo. 26Bati ke abo bevayo: Ngubanina pofu ongasindiswayo? 27Koko wati: Izinto ezingenzekiyo ebantwini, ziyenzeka kutixo.
28Wati ke u‐Petrosi: Bona ke, tina sikushiyile konke, salandela wena. 29Wayesiti kubo: Ngokwenene nditi kuni: Akuko mntu oshiyileyo indlu, umhlaumbi abazali, umhlaumbi abaninawe, umhlaumbi umfazi, umhlaumbi abantwana, ngenxa yobukumkani bukatixo, 30ongayi kuti kwelixesha abuye amkele into eninzi kakulu ngakumbi, nakwelolizwe lizayo ubomi obungunapakade.
31Waza watabatela kuye abalishumi linababini, wati kubo; Bona ke, siyanyukela e‐Yerusaleme, zaziya kufezwa zonke izinto ezimba̔lelweyo unyana wesintu ngabaprofite. 32Ngokuba eya kunikelwa kubaheyideni, ahlekwe, apatwe kakubi, atshicelwe; 33babeya kumbeta, bambulale; woti ngomhla wesitatu abuye avuke. 34Abaqiqa ke bona nanye yezizinto; saye isiteto esi sibe sibafihlelwe, bebengaziqondi izinto ezibe zitetwa kanjalo.
35Kwaye kute ekusondeleni kwake e‐Jeriko, imfama etile ibihleli ngasendleleni inqiba. 36Yati yakuva isihlwele sidlula, yabuza ukuba kungati nina oku. 37Baza bayityela ukuba u‐Yesu wase‐Nazarete uyadlula. 38Yaza yamemeza, isiti: Yesu, nyana ka‐Davide! yiba netaṙu kum. 39Baza abo babehamba pambili bayiyala, ukuba iti tu: kodwa yona yabidanduluka ngento enkulu ngakumbi, isiti: Nyana ka‐Davide! yiba netaṙu kum. 40Wema ke u‐Yesu wayalela ukuba iziswe kuye: yati yakusondela wayibuza, 41esiti: Unga ndingakwenzela nto nina? Yayisiti: Nkosi! ndinga ndingamkela ukubona kwam. 42Waza u‐Yesu wati kuyo: Yamkela ukubona kwako; ukolo lwako lukupilisile. 43Yaselisamkela ukubona kwayo kwa oko, yamlandela idumisa utixo: bati nabantu bonke, bakubona oku, banikela udumiso kutixo.
Chwazi Kounye ya:
Ivangeli ka‐Luke 18: XHO1902A
Pati Souliye
Pataje
Kopye
Ou vle gen souliye ou yo sere sou tout aparèy ou yo? Enskri oswa konekte
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.