YouVersion Logo
Search Icon

uMalaki uMalaki 4

uMalaki 4
1Ngokuba nalo ilanga liphuma livutha njengelanga; basuke bonke abakhukhumeleyo, nabo bonke abenza ubutshinga, babe njengeendiza; 2Ke kuni, nina baloyikayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma, linophiliso phantsi kwamaphiko alo; yaye niya kuphuma nize nikhule njengamathole asesitalini. 3Uya kubanyathela abangendawo; kuba baya kuba njengaphantsi kweentende zeenyawo zenu ngemini endiya kukwenza ngayo oku,’ utsho uYehova wemikhosi. 4Khumbulani umyalelo kaMoses, umkhonzi wam, endamwiselayo eHorebhe ngokusingisele kumaSirayeli onke, okuyimiyalelo namasiko. 5Yabonani, ndiya kuthumela kuni uEliya umprofeti, ingekafiki imini enkulu eyoyikekayo kaYehova. 6Woyibuyisela intliziyo yooyise koonyana, neentliziyo zoonyana kooyise, ukuze ndingezi, ndilibethe ihlabathi ngobubi.

Currently Selected:

uMalaki uMalaki 4: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in