YouVersion Logo
Search Icon

U‐Malaki 3

3
1Bona ke, ndiya kutuma isitunywa sam, esiya kulungisa indlela pambi kwam; yaiya kuza ngokwalama etempileni yayo inkosi eniyifunayo, kwa isitunywa socebano enisitandayo: bona ke, iya kuza, utsho uyehova wemikosi. 2Kodwa umhla wokuza kwayo ngubanina ongawunyamezelayo? kanjalo ngubanina ongemayo yakubonakala? ngokuba injengomlilo wencibi yegolide, nanjengesepe yabasuki. 3Iya kuhlala ke, icokisa ihlambulula isilivere; yobahlambulula onyana baka‐Levi, ibacokise njengegolide nanjengesilivere, ukuze banikele umnikelo wokudla kuyehova ngobulungisa. 4Uya kwandula ube mnandi kuyehova umnikelo wokudla wo‐Juda ne‐Yerusaleme, njengasemihleni yakudala, nanjengaseminyakeni yangapambili. 5Kodwa ndiya kusondela kuni kuze kugwetywe; ndandiya kuba linqi̔na elikaulezayo ngakuzo izanuse, nangakubo abaṙexezi, nangakubo abafungayo ngobuxoki, nangakubo abamhluta umqashwa umvuzo wake, ababandezela umhlolokazi nenkedama, nabasongayo owasemzini ebangweni lake, bengandoyiki mna, utsho uyehova wemikosi. 6Ngokuba ndi nguyehova, andiguquki: kukona ningagqityelwanga, nina bonyana baka‐Yakobi!
7Kuselokwemihla yoyihlo benu nipambukile kuyo imimiso yam, ningayigcinanga: buyelani kum, ndandiya kubuyela kuni, utsho uyehova wemikosi. Kanti niti: Sobuya nganina? 8Woti umntu ampange utixo na? Nipangile mna noko. Kanti niti: Sikupangile nganina? Ngamashumi nangeminikelo. 9Niqalekisiwe ngesiqalekiso; ngokuba nina, esisizwe sonke, nindipangile. 10Zisani onke amashumi endlwini yokubekela, ukuze kubeko ukudla endlwini yam, nize nindilinge ke ngoku, utsho uyehova wemikosi, ukuba andiyi kunivulela na izituba zezulu, ndinitululele itamsanqa, kude kugqitise ukwanela. 11Nento edlayo ndiya kuyikalimela ngenxa yenu; ayiyi kuzonakalisa izixakato zomhlaba wenu: kanjalo umti weveyine wenu entsimini awuyi kuputa, utsho uyehova wemikosi. 12Ewe, izizwe zonke ziya kuti ninetamsanqa; ngokuba niya kuba lilizwe elitandekileyo, utsho uyehova wemikosi.
13Amazwi enu ebelukuni ngakum, utsho uyehova; kodwa niti: Yinto nina siyitetileyo ngakuwe? 14Nite: Kufumana kukonzwa utixo; kunceda nto nina ukuba sigcina isigcinelo sake, nokuba sihamba silila pambi kwoyehova wemikosi? 15Ngokuba kaloku siti banetamsanqa abar̔atshileyo; ewe, bayakiwa abo bayenza inkohlakalo; he, bayamlinga utixo, basindiswe noko. 16Oko batetana abo bamoyikayo uyehova omnye nomnye; wapulapula uyehova, weva ke; kanjalo incwadi yokukumbuza yaba̔lwa ebusweni bake, iba̔lelwa abo bamoyikayo uyehova, nabacingayo igama lake. 17Boba yinto enqabileyo kum, utsho uyehova wemikosi, ngalomhla endiwenzayo; ndandiya kuba nezibele kubo, njengokuba uyise enezibele kunyana wake omkonzayo. 18Niya kwandula nibuye niqiqe pakati kwolungileyo nokohlakeleyo, pakati kwalowo umkonzayo utixo, nalowo ungamkonziyo.

Currently Selected:

U‐Malaki 3: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in