YouVersion Logo
Search Icon

KAPETROS I 3

3
Amadoda nabafazi bawo
1Ngokunjalo, nina bafazi, wathobeleni awenu amadoda, ukuze kuthi, nokuba kukho kuwo angalivayo ilizwi, athi ngehambo yabafazi, lingekho ilizwi, azuzeke; 2ebonela ihambo yenu enyulu, enoloyiko. 3Ukuhomba kwenu makungabi kokwangaphandle, kokulukwa kweenwele, nokunxitywa kwegolide, nokwambathwa kweengubo; 4makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo. 5Kuba babefudula besenjenjalo abafazi abangcwele, abo babemthembile uThixo, ukuhomba kwabo, bewathobele awabo amadoda; 6njengokuba uSara wamlulamelayo uAbraham, embiza ngokuthi yinkosi; eningabantwana bakhe nina, nákuba nisenza okulungileyo, ningoyiki nto yethusayo.
7Ngokunjalo, nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi, njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.
Uthandano lobuKristu
8Elokugqiba, cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, yibani nobubele. 9Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; kanye ke sikelelani, nisazi ukuba nabizelwa oku, ukuze niyidle ilifa intsikelelo. 10Kuba
Lowo unga angathanda ubomi,
Ayibone imihla elungileyo,
Makaluphezise ulwimi lwakhe ebubini,
Nomlomo wakhe ungathethi inkohliso;
11Makaphambuke ebubini, enze okulungileyo;
Makafune uxolo, aluphuthume.
12Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa,
Neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo;
Ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi.
(INdum. 34:12-16)
Ukunyamezela intswela-bulungisa ngokomzekelo kaKristu
13Kananjalo ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo? 14Nokuba nithe neva ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; musani ukoyika ngokoyikisa kwabo, ningakhathazeki nokukhathazeka. 15INkosi ke uThixo yingcwaliseni ezintliziyweni zenu, nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali noloyiko; 16ninesazela esilungileyo, ukuze kuloo nto banithethela okubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu.
17Ukuba ke kungaba kukuthanda kukaThixo ukuba nive ubunzima, okona kunilungeleyo kukubuva nisenza okulungileyo, kunokubuva nisenza okubi. 18Ngokuba noKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo; ebulewe okunene esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya. 19Awathi ekuwo, waya washumayela koomoya abasekukhonkxweni, 20ababefudula bengeva, xenikweni ukuzeka kade umsindo kukaThixo kwakulindile ngemihla kaNowa, kwakubon' ukuba kulungiswa umkhombe, ekwasindiselwa kuwo imiphefumlo embalwa, oko kukuthi esibhozo, ngamanzi. 21Olusisindisayo ngawo nathi ngoku ubhaptizo ngokomfuziselo; olungekuko ukulahla ubunyhukunyhuku benyama; olukukubúzisa kuThixo kwesazela esilungileyo, ngokuvuka kukaYesu Kristu; 22osekunene kukaThixo, eye emazulwini, kwakubon' ukuba kuthotyelwe phantsi kwakhe izithunywa zezulu, noomagunya, namandla.

Currently Selected:

KAPETROS I 3: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy