YouVersion Logo
Search Icon

KAYOHANE I 4

4
Ukucikidwa koomoya
1Zintanda, musani ukukholwa ngoomoya bonke, bacikideni oomoya ukuba ngabakaThixo na; ngokuba baninzi abaprofeti ababuxoki, abaphumé bangena ehlabathini. 2Mazini ngale nto uMoya kaThixo: umoya wonke omvumayo uYesu Kristu ezé esenyameni, ungokaThixo; 3nomoya wonke ongamvumiyo uYesu Kristu ezé esenyameni, asingokaThixo; lo ngokamchasi-Kristu, lowo niwuvileyo ukuba uyeza; nangoku uselukho ehlabathini.
4Nina ningabakaThixo, bantwanana, nibeyisile bona; ngokuba lowo ukuni nguyena mkhulu kunalowo usehlabathini. 5Bona ngabehlabathi; ngenxa yoko bathetha okwehlabathi, ihlabathi liyabeva ke. 6Thina singabakaThixo, lowo umaziyo uThixo uyasiva thina; ongengokaThixo akasiva. Siwazi ngaloo nto umoya wayo inyaniso, nomoya walo ulahlekiso.
Uthando lukaThixo nothando lomntu
7Zintanda, masithandane; ngokuba uthando lwaphuma kuThixo. Bonke abanothando bazelwe nguThixo, bayamazi uThixo. 8Lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo, ngokuba uThixo uluthando. 9Kwabonakaliswa ngale nto ukusithanda kukaThixo, ngokuthi uThixo amthume ehlabathini uNyana wakhe, ekuphela kwamzeleyo, ukuze sidle ubomi naye. 10Uthando lulapha, ingekukuba samthandayo uThixo thina, ikukuba wasithandayo yena, wamthuma uNyana wakhe ukuba abe sisicamagushelo sezono zethu.
11Zintanda, ukuba wenjenjalo uThixo ukusithanda, nathi sifanele ukuthandana. 12Akukho namnye owakha wambona uThixo; ukuba sithi sithandane, uThixo uhleli kuthi, nothando lwakhe lugqibelele ngaphakathi kwethu. 13Sazi ngale nto ukuba sihleli kuye, naye uhleli kuthi; ngokuba usinike okoMoya wakhe.
14Sibonile thina, siyangqina, ukuba uYise umthumile uNyana ukuba nguMsindisi wehlabathi. 15Othe wavuma ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo, uThixo uhleli kuye, naye uhleli kuye uThixo. 16Sikwazile thina, sakholwa kukusithanda kukaThixo.
UThixo uluthando; lowo uhleli eluthandweni uhleli kuye uThixo, noThixo uhleli kuye.
17Lugqibelele ngale nto uthando olukuthi, ukuze sibe nokungafihlisi ngomhla womgwebo; ngokuba, njengoko anjalo yena, sinjalo nathi kweli hlabathi. 18Akukho loyiko eluthandweni; lusuka uthando olugqibeleleyo luluphose phandle uloyiko; ngokuba uloyiko lunexhala; lowo ke woyikayo akagqibelele eluthandweni. 19Thina siyamthanda, ngokuba yena wasithanda kuqala.
20Ukuba umntu uthe, Ndiyamthanda uThixo, wamthiya umzalwana wakhe, ulixoki; kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe ambonileyo, angáthini na ukumthanda uThixo angambonanga? 21Nguwo lo umthetho esinawo uvela kuye: ukuba athi lowo umthandayo uThixo, amthande nomzalwana wakhe.

Currently Selected:

KAYOHANE I 4: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in