YouVersion Logo
Search Icon

KAYOHANE I 1

1
Ubomi obungunaphakade bubonakaliswa ngoYesu
1Oko kwakukho kwasekuqalekeni, oko sikuvileyo, oko sikubonileyo ngawethu amehlo, oko sakukhangelayo, zakuphatha izandla zethu, 2okwelizwi labo ubomi (obu bomi ke babonakaliswa; sibubonile, siyabungqinela, siyabuxela kuni, ubomi obo bungunaphakade, bona obo bebukuye uYise, baza babonakaliswa kuthi): 3oko ke sikubonileyo, sikuvileyo, siyakuxela kuni, ukuze nani nibe nobudlelane nathi. Baye ke ubudlelane bethu bunaye uYise, bunaye uNyana wakhe uYesu Kristu. 4Ezo zinto sinibhalela ukuze uvuyo lwenu luzaliseke.
Onobudlelane noThixo uhamba ekukhanyeni
5Lulo olu ke udaba esiluvileyo kuye, esinityela lona, lokuba uThixo ukukukhanya, akukho bumnyama kuye nakanye. 6Ukuba sithi sinobudlelane naye, sibe sihamba ebumnyameni, soba siyaxoka, asiyenzi inyaniso; 7ke, ukuba sihamba ekukhanyeni, njengokuba yena esekukhanyeni, soba sinobudlelane omnye nomnye, lithi negazi likaYesu Kristu, uNyana wakhe, lisihlambulule kuso sonke isono.
8Ukuba sithi asinasono, siyazikhohlisa, inyaniso ayikho kuthi. 9Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi. 10Ukuba sithi asonanga, simenza ixoki; ilizwi lakhe alikho kuthi.

Currently Selected:

KAYOHANE I 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in