YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEKORINTE I 15

15
Uvuko lwabafileyo
1Ke kaloku, bazalwana, ndiyanazisa iindaba ezilungileyo, ezo ndazishumayela kuni, nazamkelayo nokuzamkela, nimiyo nokuma kuzo, 2nisindiswayo nokusindiswa ngazo, ukuba nizibambile ngelizwi endazishumayela ngalo kuni; ukuba anithe nafumana nakholwa.
3Kuba ndaninikela kweziyintloko izinto oko ndakwamkelayo nokukwamkela: okokuba uKristu wazifela izono zethu ngokwezibhalo, 4nokokuba wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo; 5nokokuba wabonwa nguKefas, emva koko ngabalishumi elinababini. 6Emveni koko wabonwa ngaxesha linye ngabazalwana abangaphezu kwamakhulu amahlanu, abasahleliyo nangoku abona baninzi kubo; inxenye ke yalala ukufa. 7Emva koko wabonwa nguYakobi, kamva ngabo bonke abapostile.•
8Ekugqibeleni ke kwabo bonke, kwanga kukwinto ezelwe lingekabi lilixa layo, wabonwa nandim. 9Kuba mna ndingoyena mncinanana kubapostile, endingafanele kubizwa ngokuba ngumpostile, ngenxa enokuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo. 10Ke ngobabalo lukaThixo ndiyinto endiyiyo, nobabalo lwakhe kum alubanga nakulambatha; ndesuka ndabagqitha bonke ngokubulaleka; ingendim ke, ilubabalo lukaThixo olunam. 11Ke ngoko, nokuba ndim, nokuba ngabo, sènjenjalo thina ukushumayela; nènjenjalo ke nina ukukholwa.
12Ke, ukuba uKristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, batsho ngani na abathile phakathi kwenu ukuthi, akukho luvuko lwabafileyo? 13Ke, ukuba akukho luvuko lwabafileyo, woba akavukanga noKristu; 14ukuba ke uKristu akavukanga, koba akunto ukushumayela kwethu, loba luyalambatha nokholo lwenu. 15Sofunyanwa ke singawo namangqina amxokayo uThixo, ngokuba sangqinayo ngoThixo ukuba wamvusa uKristu: angàmvusanga, ukuba ke kanti abafileyo abavuki.
16Kuba, ukuba abafileyo abavuki, noKristu woba akavukanga. 17Ukuba ke uKristu akavukanga, loba luyinto engeyanto ukholo lwenu, noba nisesezonweni zenu; 18ngoko nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele. 19Ukuba singabathembele kuKristu kobu bomi bodwa, soba sizezona ntsizana kubantu bonke.
20UKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa. 21Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo. 22Kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke: 23elowo ke kolwakhe uluhlu; intlahlela inguKristu, kamva abakaKristu ekufikeni kwakhe; 24kwandule ke ukubakho isiphelo, xa athe wabunikela ubukumkani kuye uThixo uYise, xa athe wabubhangisa bonke ubulawuli, nalo lonke igunya, namandla. 25Kuba umelwe yena kukuthi alawule, ade azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba.
26Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa; 27kuba izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Ke xa athi, Izinto zonke zithotyiwe, kuyabonakala ukuba àkabalwa lowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto. 28Xa ke zithe zathotyelwa phantsi kwakhe zonke izinto, uya kwandula noNyana ngokwakhe athotyelwe phantsi kwalowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke.
29Okanye baya kwenza ntoni na abo babhaptizelwa abafileyo, ukuba abafileyo àbaze bavuke? Yini na ukuba babhaptizelwe nokubhaptizelwa abafileyo? 30Nathi, yini na ukuba sibe semngciphekweni amaxa onke? 31Ndisekufeni imihla ngemihla; qondani ngokuzingca kwam ngani, endinako ndikuKristu Yesu, iNkosi yethu. 32Ukuba ndithe ngokwabantu ndalwa namarhamncwa e-Efese, kundinceda ntoni na? Ukuba abafileyo abavuki, masesisidla, sisela, kuba ngomso siya kufa.
33Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. 34Qabukani kakuhle, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho kuni ukuba nidane.
35Wósuka ubani athi, Bathini na ukuvuka abafileyo? Beza benamzimba unjani na? 36Msweli-kuqonda wena, into oyihlwayelayo ayenziwa iphile, ukuba ayikhanga ife. 37Kanjalo loo nto uyihlwayelayo, akuhlwayeli sona isiqu sento esiya kubakho; uhlwayela ukhozo nje, lungáthi lube lolwengqolowa, nokuba lolwezinye iintlobo; 38uThixo ke ulunika isiqu, njengoko athandileyo; iyileyo imbewu uyinika esisesayo isiqu.
39Yonke inyama ayinyama-nye; enye yinyama yabantu, enye yinyama yeenkomo, enye yeyeentlanzi, enye yeyeentaka. 40Kukho iziqu ezisezulwini, neziqu ezisemhlabeni; bubodwa ubuqaqawuli bezasezulwini, bubodwa obezasemhlabeni. 41Bubodwa ubuqaqawuli belanga, bubodwa ubuqaqawuli benyanga, bubodwa ubuqaqawuli beenkwenkwezi; kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli.
42Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. Umzimba uhlwayelwa unokonakala, uvuka ungenakonakala. 43Uhlwayelwa uswele imbeko, uvuka unobuqaqawuli; uhlwayelwa uswele amandla, uvuka unamandla; 44kuhlwayelwa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowomoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya. 45Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi.
46Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya. 47Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu, iNkosi, uphume emazulwini. 48Into ayiyo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abasemazulwini; 49njengokuba sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini.
50Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali. 51Yabonani, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke, 52ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela. Kuba liya kulila ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senzìwe ngakumbi ke thina.
53Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi. 54Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni. 55Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? Luphi na, Hadesi,• uloyiso lwakho? 56Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.
57Makubulelwe ke kuThixo osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu.
58Ngoko ke, bazalwana bam abaziintánda, qinani, ningabi nakushukuma; nihlale niphuphuma umsebenzi weNkosi, nisazi nje ukuba ukubulaleka kwenu akulambathi eNkosini.

Currently Selected:

KWABASEKORINTE I 15: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy