YouVersion Logo
Search Icon

IsiThyilelo IsiThyilelo 20

IsiThyilelo 20
1Ndabona isithunywa sezulu, sisihla siphuma emazulwini, sinesitshixo senzonzobila, nomxokelelwane omkhulu esandleni saso. 2Yayibamba inamba, loo nyoka yakudala enguMtyholi, uSathana ke, yayibopha iminyaka eliwaka. 3Sayiphosa enzonzobileni, samvalela, satywina phezu kwayo, ukuze ingabi sazilahlekisa iintlanga, ide izaliseke iminyaka eliwaka; emva koko umelwe kukuthi akhululwe ixeshana. 4Ndabona iitrone, nabahleli phezu kwazo, banikwa ugwebo; ndayibona imiphefumlo yababenqunyulwe iintloko ngenxa yobungqina bukaYesu, nangenxa yelizwi likaThixo, ababengalinquli irhamncwa nerhamncwa, umfanekiso wakhe, bengalwamkelanga uphawu lwakhe emabunzini abo, nasezandleni zabo; badla ubomi, baba ngookumkani kunye noKristu iminyaka eliwaka. 5Ke abafileyo abaseleyo ababuyanga badle bomi, yada yazaliseka iminyaka eliwaka. Olo luvuko lokuqala. 6Unoyolo, ungcwele, lowo unesabelo eluvukweni lokuqala; ukufa kwesibini akunagunya kubo abanjalo; baya kusuka babe ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eliwaka. 7Xa ithe yazaliseka iminyaka eliwaka, uSathana uya kukhululwa entolongweni. 8Uya kuphuma, aye kuzilahlekisa iintlanga eziseziphelweni zone zomhlaba, uGogi noMagogi, ukubahlanganisela emfazweni, inani labo linjengentlabathi yolwandle. 9Banyuka, baya kububanzi behlabathi, bayirhawula inqaba yomkhosi wabangcwele, nomzi othandiweyo; kwehla umlilo uphuma kuThixo, uphuma ezulwini, wabadla wabadla. 10Umtyholi lowo ubalahlekisayo waphoswa edikeni lomlilo nesulfure, apho likhona irhamncwa nomprofeti wobuxoki; baya kuthuthunjiswa imini nobusuku, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. 11Ndabona itrone enkulu emhlophe, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ke. 12Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo; Zavulwa iincwadi, kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo. 13Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo; kwathi ukufa nelabafileyo kwabakhupha abafileyo abakhona; bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe. 14Kwaza ukufa nelabafileyo kwaphoswa edikeni lomlilo. Oko kukufa kwesibini. 15Uthe ongafunyanwanga ebhaliwe encwadini yobomi, waphoswa edikeni lomlilo.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in