YouVersion Logo
Search Icon

Iindumiso Iindumiso 67

Iindumiso 67
Wanga uThixo angasenzela inceba, asisikelele; Makabukhanyise ubuso bakhe phezu kwethu
1Kumbhexeshi-kwayara. Umhobe. Wanga uThixo angasisikelela; makabukhanyise ubuso bakhe phezu kwethu; Sela.
2Ukuze yaziwe ehlabathini indlela yakho, Usindiso lwakho phakathi kweentlanga zonke.
3Mazikubonge iintlanga, Thixo; mabakubonge bonke abantu.
4Mazigcobe zigcobe iintlanga, ngokuba ùya kugweba phakathi kweentlanga ngobulungisa, Uzilawule ehlabathini. Sela.
5Mazikubonge iintlanga, Thixo; mabakubonge bonke abantu.
6Umhlaba uyivelisile indyebo yawo; Wosisikelela uThixo, uThixo wethu.
7uThixo uya kusisikelela; zimoyike zonke iziphelo zehlabathi.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in