YouVersion Logo
Search Icon

Iindumiso Iindumiso 3

Iindumiso 3
Ingoma yasekuseni
1Ingoma kaDavide, ekubalekeni kwakhe kuAbhisalom, unyana wakhe; Baninzi abasukela phezulu kum.
2Baninzi abathi kumphefumlo wam, Akunto yanto kuThixo; Sela.
3Wena, Yehova, uyingweletshetshe yam; ubungangamsha bam nozuko lwentloko yam.
4Ndidanduluka kuYehova ngezwi lam, Andiphendule entabeni yakhe engcwele. Sela.
5Ndalala phantsi, ndalala ubuthongo; Ndivukile; ngokuba uYehova ebendixhasa.
6Andiyi kuboyika amashumi amawaka abantu abahlanganisene kum.
7Vuka, Yehova; Ndisindise, Thixo wam, ngokuba uzibetha zonke iintshaba zam emhlathini; Uyawaphula amazinyo abangendawo.
8Usindiso lolukaYehova, intsikelelo yakho ibe phezu kwabantu bakho. Sela.

Currently Selected:

Iindumiso Iindumiso 3: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in