YouVersion Logo
Search Icon

uMateyu uMateyu 7

uMateyu 7
1Musani ukugweba, ukuze ningagwetywa. 2Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani; nangomlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani. 3Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuqiqi? 4Okanye ungáthini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi esweni lakho; kanti nanku umqadi kwelakho iliso? 5Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi kwelakho iliso; wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi eso esweni lomzalwana wakho. 6Musani ukukunika izinja okungcwele, kanjalo ningaziphosi iiperile zenu phambi kweehagu, hleze zizinyathele ngamanqina azo, zijike ziniqwenge. 7Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa; 8Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa. 9Nguwuphi na umntu kuni ongathi, ukuba unyana wakhe uthe wacela isonka, amnike ilitye? 10Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka? 11Ukuba ke ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo? 12Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; kuba oko kungumthetho nabaprofeti. 13Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni, baninzi ke abangena ngalo. 14Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo. 15Balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo. 16Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Ngaba abantu bakha iidiliya emithaneni enameva okanye amakhiwane enkunzaneni? 17Ngokunjalo wonke umthi olungileyo uvelisa iziqhamo ezihle; ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi, 18umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongenguwo awunakuvelisa ziqhamo zihle. 19Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni. 20Ngoko ke nobaqonda ngeziqhamo zabo. 21Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; kodwa ngulowo wenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini. 22Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho? Sazikhupha na iidemon egameni lakho? Nenze egameni lakho imisebenzi emininzi ebalulekileyo? 23Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho. 24Ngoko ke wonke umntu owevayo la mazwi am, awenze, uya kufaniswa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo. 25Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni. 26Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, uya kufaniswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo. 27Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza nemimoya, yagaleleka kuloo ndlu; yawa; saba sikhulu ukuwa kwayo. 28Ke kaloku kwathi, xeshikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, zakhwankqiswa izihlwele yimfundiso yakhe; 29kuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.

Currently Selected:

uMateyu uMateyu 7: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in