uMateyu uMateyu 13
uMateyu 13
1Kwangaloo mini waphuma uYesu endlwini, waya wahlala ngaselwandle. 2Kwahlanganisana kuye abantu abaninzi, wada yena wangena emkhombeni, wahlala phantsi; yaye yonke indimbane yema elunxwemeni. 3Wathetha kubo iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi, Yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela. 4Ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zayidla zayigqiba. 5Embi yawa ezindaweni ezilulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; 6Zathi ke lakuphuma ilanga zagqatswa; zaza ngenxa yokuba zingenangcambu zoma kwaphela. 7Embi yawa emithaneni enameva; imithana enameva yakhula, yayiminxa. 8Enye yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo, enye ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu. 9Lowo uneendlebe zokuva makeve. 10Beza abafundi bathi kuye, Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso? 11Waphendula ke wathi kubo, Kungokuba nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga. 12Kuba osukuba enako, yena uya kuphiwa, aze abe nako ngokugqithiseleyo; kodwa osukuba engenako, uya kuhluthwa kwanoko anako. 13Ngoko ke ndithetha nabo ngemizekeliso, kuba bona ababoni; besiva nje abeva, bengaqondi noko. 14Sizaliseka kubo ke isiprofeto sikaIsaya esithi, Ukuva niya kuva, ningaqondi; nokubona niya kubona, ningaqiqi; 15Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba, Beva ngeendlebe ezithe nkqi, Bayawacima namehlo abo; hleze babone ngamehlo, beve ngeendlebe, baqonde ngentliziyo, bajike, ndibaphilise. 16Kodwa anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva. 17Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqwenelayo ukuzibona izinto enizibonayo abazibona; nokuva izinto enizivayo, anaziva. 18Nina ngoko wuveni umzekeliso womhlwayeli: 19akubon’ ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe; Nguye lo owahlwayelwa ngasendleleni; 20Lowo ke uhlwayelwe ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo; 21abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko. 22Lowo uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi; Lithe ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. 23Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; luxakatha isiqhamo, omnye lixakathe ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu. 24Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe. 25Kuthe ke, xa baleleyo abantu, lwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela umdiza phakathi kwengqolowa, lwemka. 26Ithe ke yakudubula, yakuba neenkozo, wandula ukubonakala nomdiza. 27Bezile ke abakhonzi bomninindlu, bathi kuye, Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle yini na entsimini yakho? luvela phi na ke umdiza? 28Wathi kubo, Ngumntu olutshaba owenze le nto. Bathi abakhonzi kuye, Uyathanda na ke ukuba siye siwubuthe? 29Uthe ke yena, Hayi; hleze nithi, xa niwubuthayo umdiza, nincothule nengqolowa kunye nawo. 30Yekani kukhule ndawonye kokubini, kude kube sekuvuneni; ngexa ke lokuvuna ndothi kubavuni, Buthani kuqala umdiza, niwubophe ube zizithungu, utshiswe, kodwa yona ingqolowa yihlanganiseleni kuvimba wam. 31Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluhlwayela entsimini yakhe. 32Olona luncinane kuzo zonke iimbewu; kodwa xa luthe lwahluma, luyayidlula imifuno ngobukhulu, lube ngumthi, ngokokude iintaka zezulu zize zihlale emasebeni awo. 33Wathetha omnye umzekeliso kubo; Ubukumkani bamazulu bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela. 34Ezi ndawo zonke uYesu wazithetha ngemizekeliso kuzo izihlwele; Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; 35Ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi, Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam; Ndiya kuthetha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi. 36Waza uYesu wazindulula izihlwele wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, besithi, Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi. 37Waphendula ke wathi kubo, Lo uhlwayela imbewu entle nguNyana woMntu; 38intsimi ke lihlabathi; imbewu ke entle ngoonyana bobukumkani abo; Umdiza ke ngoonyana bongendawo; 39Utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu. 40Njengokuba ngoko ubuthwa umdiza, utshiswe ngomlilo; kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli hlabathi. 41uNyana woMntu uya kuthuma izithunywa zakhe, zize zibuthe, zikhuphe ebukumkanini bakhe, zonke izikhubekiso, nabo benza okuchasene nomthetho; 42zibaphose ezikweni elivutha umlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. 43Aya kwandula ke amalungisa ukubengezela njengelanga ebukumkanini boYise wawo. Lowo uneendlebe zokuva makeve. 44Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu wabufihla; athi ke umntu akuyifumana, ayifihle, aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi. 45Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile ezintle; 46owathi ke akuyifumana iperile inye, exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga. 47Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa zonke iintlobo zeentlobo zazo. 48Ekuthe wazala, bawurholela elunxwemeni, bahlala phantsi, bazibuthela ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi. 49Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa; 50zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. 51Athi kubo uYesu, Niziqondile na zonke ezi ndawo? Bathi kuye, Ewe, Nkosi. 52Wathi kubo, Ngenxa yoko, umbhali wonke ofundiselwe ebukumkanini bamazulu ufana nomntu ongumninindlu, orhola ebuncwaneni bakhe izinto ezintsha kwanezindala. 53Kwathi, akuyigqiba uYesu le mizekeliso, wanduluka khona apho. 54Akufika kwelakowabo, wabafundisa endlwini yabo yesikhungu, ngokokude bakhwankqiswe bathi, Lo ubuzuze phi na obu bulumko, nale misebenzi yamandla? 55Lo asinguye na unyana wengcibi yokwakha? Unina akabizwa ngokuba nguMariya na? Abazalwana bakhe bathi, ooYakobi, noYose, noSimon, noYuda, yini na? 56Noodade wabo abakho nathi bonke na? Uzizuze phi na phofu lo zonke ezi zinto? 57Baye bekhubeka kuye. Wathi ke uYesu kubo, Umprofeti akasweli mbeko, kungaba kukowabo, nakokwabo. 58Akenza misebenzi mininzi yamandla khona apho ngenxa yokungakholwa kwabo.
Currently Selected:
uMateyu uMateyu 13: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.