uLuka uLuka 14
uLuka 14
1Kwathi, akuba engene ngesabatha endlwini yomnye wakubaphathi babaFarisi, ukuba adle isonka, bahlala bemlalele bona. 2Kwabonakala kukho phambi kwakhe mntu uthile unegalimoya. 3Waza uYesu wathetha kubachazi-mthetho nabaFarasi, esithi: “Ngaba kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? 4Bathi cwaka ke bona. Wamthabatha, wamphilisa, wamndulula; 5Wabaphendula esithi, Ngubani na kuni othi, eneesile, nokuba yinkomo, yeyele emhadini, aze angayirholi kwaoko ngomhla wesabatha? 6Ababa nako ukumphendula kwezo zinto. 7Ke kaloku wathetha umzekeliso kwababemenyiwe, akugqala ukunyula kwabo izilili zobukhulu; esithi kubo. 8Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngubani, musa ukungqengqa esililini sobukhulu; hleze obekekileyo kunawe abe ubemenyiwe nguye; 9eze lowo ukumemileyo, athi kuwe, Khwelela lo mntu; uze uqale ukuthabatha indawo esekugqibeleni udanile. 10Xa uthe wamenywa, hamba uye uhlale kweyona ndawo iphantsi, ukuze, xa athe weza lowo ukumemileyo, athi kuwe, Sihlobo, nyukela ngasentla; wandule ke ukuba nozuko emehlweni abo bahleli ndawonye nawe. 11Ngokuba wonke umntu oziphakamisayo, uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa. 12Wayesithi ke nakulowo ummemileyo, Xa sukuba usenza isidlo sasemini, nokuba sesangokuhlwa, musa ukubiza izihlobo zakho, nabazalwana bakho, nemizalwane yakho, nabamelwane abazizityebi; hleze nabo babuye bakumeme, ize ibe yimbuyekezo kuwe. 13Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama; 14Woba nentsikelelo; ngokuba àbanako ukubuyekeza kuwe; kuba uya kubuyekezwa wena eluvukweni lwamalungisa. 15Ke kaloku, akuziva ezo zinto omnye kwabo babehleli naye, wathi kuye, Unoyolo oya kudla isonka ebukumkanini bukaThixo. 16Uthe ke yena kuye, Umntu othile wenza isidlo esikhulu, wamema abaninzi. 17Wasusa umkhonzi wakhe ngelixa lesidlo, ukuba aye kuthi kwabamenyiweyo, Yizani; ngokuba zonke izinto sezilungile. 18Baqala bonke ngakunye ukuzilanduleka. Wathi owokuqala kuye, Ndithenge intsimi, kufuneka ukuba ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo. 19Wathi omnye, Ndithenge iinkomo zeedyokhwe ezintlanu, ndiya kuziva; ndiyakucela mandibe ngowabalandulelwayo. 20Wathi omnye, Ndizeke umfazi, ngenxa yoko andinakuza. 21Efikile loo mkhonzi, wayibikela ke inkosi yakhe ezo ndawo. Waqumba ke umninindlu, wathi kumkhonzi wakhe, Phuma kamsinya uye ezitratweni nakwizitrato zomzi, ungenise apha amahlwempu, nezilima, neziqhwala, neemfama. 22Wathi umkhonzi, Nkosi, kwenzeke njengoko ubuyalele, ukanti kusekho indawo. 23Yathi inkosi kumkhonzi, Phuma uye ezindleleni nasezintangweni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale. 24Kuba ndithi kuni, akukho nanye kuloo madoda abemenyiwe, eya kusiva isidlo sam. 25Kwaye kuhamba naye izihlwele ezikhulu; wajika, wathi kuzo. 26Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam. 27Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe, andilandele, akanakuba ngumfundi wam. 28Kuba nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angakhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? 29Hleze, akubon’ ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonayo baqale ukuhlekisa ngaye; 30besithi, Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba. 31Kananjalo nguwuphi na ukumkani othi, esiya kuhlangana nomnye ukumkani emfazweni, angakhe ahlale phantsi kuqala, acinge ukuba unako na, enashumi-nye lamawaka, ukuhlangabeza omzelayo enamashumi amabini amawaka? 32Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo. 33Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam. 34Ityiwa ilungile, kodwa ukuba ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? 35Awuwulungele nomhlaba, awuwulungele nomgquba; kodwa abantu bayawukhupha. Lowo uneendlebe zokuva makeve.
Currently Selected:
uLuka uLuka 14: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.