YouVersion Logo
Search Icon

uYohane uYohane 9

uYohane 9
1Uthe ke edlula, wabona umntu obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe. 2Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Rabhi, ngubani na owonayo, ngulo, ngabazali bakhe, sini na, ukuze azalwe eyimfama nje? 3Waphendula uYesu wathi, Akone lo, akone bazali bakhe; uzelwe eyimfama ukuze ibonakalaliselwe kuye. 4Ndimelwe kukuyisebenza imisebenzi yowandithumayo, kusesemini; kuza ubusuku, xa kungekho namnye unako ukusebenza. 5Xa ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi. 6Akuba etshilo, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamathe, wawathambisa ngodongwe amehlo emfama leyo. 7Wathi kuyo, Hamba uye kuhlamba echibini laseSilowa (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thunyiwe). Yemka ngoko, yaya yahlamba, yeza ibona. 8Baye ngoko abamelwane, nababembona ngaphambili ukuba uyimfama, besithi, Lo asinguye na obehleli engqiba? 9Inxenye ibisithi, Nguye lo; abanye ke besithi, Ufana naye; yena ke wayesithi, Ndinguye. 10Bathi ngoko kuye, Atyhilwe na amehlo akho? 11Waphendula yena wathi, Umntu ekuthiwa nguYesu wenze udaka, waqaba amehlo am, wathi kum, Yiya echibini leSilowa, uhlambe; ndiyile ke ndahlamba, ndabuya ndibona. 12Bathi ngoko kuye, Uphi na yena? Wathi, Andazi. 13Bamzisa kubaFarisi lowo ubefudula eyimfama. 14Ke kaloku kwakuyisabatha, oko uYesu wenza udaka, wawavula amehlo akhe. 15Babuya ngoko ke bambuza nabaFarisi, ukuba utheni na ukuba abuye abone. Uthe ke yena kubo, Ubeke udaka emehlweni am, ndaza ndahlamba; 16Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini. Babesithi abanye, Angathini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana? Kwabakho iyantlukwano phakathi kwabo. 17Babuya bathi kwimfama, Uthini na wena ngaye, ewavulile nje amehlo akho? Wathi, Ungumprofeti. 18Akakholwa ngoko amaYuda ngaye, ukuba ebeyimfama, wabuya wabona, ada abiza abazali balowo ubuye wabona. 19Ababuza esithi, Lo ngunyana wenu na, enithi nina wazalwa eyimfama? Kutheni na ke ngoku ebona? 20Abazali bakhe bawaphendula bathi, Siyazi ukuba lo ngunyana wethu, kwanokuba ke wazalwa eyimfama; 21Le nto ke abonayo ngoku asazi; novule amehlo akhe, asimazi thina; Buzani kuye, woziphendulela. 22Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; kuba amaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba uthe umntu wamvuma ukuba unguKristu, aze akhutshwe esikhungwini. 23Bathi ngoko abazali bakhe, Uselemkhulu; buzani kuye. 24Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni. 25Uphendule ngoko yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; ndazi nto-nye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona. 26Abuye ke athi kuye, Wenze ntoni na kuwe? utheni na ukuwavula amehlo akho? 27Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Ngaba nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe na? 28Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe ongumfundi wakhe; Thina singabafundi bakaMoses. 29Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona. 30Waphendula umntu lowo, wathi kubo, Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningazi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am. 31Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo. 32Kwasephakadeni akuzanga kuviwe ukuba umntu wakha wavula amehlo ozelwe eyimfama. 33Ukuba lo ebengenguye owakwaThixo, ebengenakwenza nto. 34Aphendula athi kuye, Wena wazalelwa ezonweni kanye; usifundisa ntoni na? Bamkhuphela ngaphandle. 35Weva uYesu ukuba amkhuphele phandle; Uthe akuba emfumene, wathi kuye, Uyakholwa na kuNyana kaThixo? 36Uphendule yena wathi, Ongubani na, Nkosi, ukuze ndikholwe kuye? 37uYesu wathi kuye, Umbonile; nguye lo uthetha nawe. 38Wathi ke yena, Ndiyakholwa, Nkosi. Waza waqubuda kuye. 39Wathi uYesu, Mna ndizele ugwebo kweli hlabathi, ukuze abangaboniyo babone; bathi ababonayo babe ziimfama. 40Baziva ezo nto abakubaFarisi ababenaye, bathi kuye, Singaba siziimfama nathi na? 41Wathi kubo uYesu, Ukuba beniziimfama, ngeningenasono; kungoku nithi, Siyabona; ngoko ke isono senu sihleli.

Currently Selected:

uYohane uYohane 9: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in