YouVersion Logo
Search Icon

uYohane uYohane 21

uYohane 21
1Emva koko waphinda uYesu wazibonakalalisa kubafundi ngaselwandle lwaseTibheriya, wazibonakalisa ngale ndlela. 2Babendawonye uSimon Petros, noTomas okuthiwa nguDidimo, noNataniyeli waseKana yelaseGalili, nabakaZebhedi, nabanye kubafundi bakhe bebabini. 3Athi uSimon Petros kubo, Ndiya kubambisa iintlanzi. Bathi kuye, Nathi sihamba nawe. Baphuma, bangena emkhombeni kwaoko; ababamba nto ngobo busuku. 4Kwakuba sekusile, wema uYesu elunxwemeni, noko abafundi bebengazi ukuba nguYesu. 5Athi ngoko uYesu kubo, Bantwana, aninanto idliwayo na? Baphendula bathi kuye, Hayi. 6Wathi ke yena kubo, Wuphoseni umnatha ngecala lasekunene lomkhombe, nofumana. Baphosa ke; ababa saba nako ukuwutsala, ngenxa yenkitha yeentlanzi. 7Athi ngoko loo mfundi ubethandwa nguYesu kuPetros, YiNkosi. Uthe ngoko uSimon Petros, akuva ukuba yiNkosi, wabhinqa ingubo yokwaleka (kuba ebeze), waziphosa elwandle. 8Ke bona abanye abafundi beza ngenqanawa; kuba bebengemgama emhlabeni, ngathi bebekubhite ezimakhulu mabini, bewurhuqa umnatha weentlanzi. 9Bathi ngoko, bakuwelela emhlabeni, babona umlilo wamalahle ukhona, kukho nentlanzi kuwo, kwanesonka. 10Athi kubo uYesu, Zisani kwezo ntlanzi nizibambise ngokunje. 11Wakhwela uSimon Petros, wawutsalela emhlabeni umnatha, uzele ziintlanzi ezinkulu, zilikhulu elinamanci mahlanu anesithathu; 12Athi kubo uYesu, Yizani nidle. Akubangakho namnye ke kubafundi waba nabuganga bakumbuza esithi, Ungubani na? besazi nje ukuba yiyo iNkosi. 13Uza ke uYesu, asithabathe isonka, abanike, ayenjenjalo nentlanzi. 14Oku sekukokwesithathu ezibonakalalisa uYesu kubafundi bakhe, evukile kwabafileyo. 15Bakomula, athi uYesu kuSimon Petros, Simon kaYona, uyandithanda na ngaphezu kwaba? Athi kuye, Ewe, Nkosi; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Dlisa amatakane am. 16Aphinde athi kuye okwesibini, Simon kaYona, uyandithanda na? Athi kuye, Ewe, Nkosi; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Dlisa izimvu zam. 17Athi kuye okwesithathu, Simon kaYona, uyandithanda na? Waba buhlungu uPetros, kuba ethe kuye okwesithathu, Uyandithanda na? Wathi kuye, Nkosi, uyazazi zonke izinto wena; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi uYesu kuye, Dlisa izimvu zam. 18Inene, inene, ndithi kuwe, Oko ubusemtsha ubuzibhinqisa ngokwakho, uhambe apho uthanda khona; kodwa xa uthe waluphala, uya kuzolula izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye, akuse apho uthanda khona, hayi. 19Wakutsho ke oku, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeya kuzukisa uThixo ngako. Akutsho wathi kuye, Ndilandele. 20Ejikile ke uPetros, ubone umfundi obethandwa nguYesu elandela, owayama esifubeni sakhe esidlweni, wathi, Nkosi, ngubani na okungcatshayo? 21uPetros akumbona lowo, uthi kuYesu: “Nkosi, lo mfo uza kwenza ntoni na? 22Athi uYesu kuye, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe? ndilandele wena. 23Laphuma ngoko eli lizwi, laya kubazalwana, ukuba loo mfundi akayi kufa. Waye uYesu engatshongo kuye ukuthi, Akayi kufa; wathi, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe? 24Nguye lo umfundi ongqinayo ngezi zinto, wazibhala ezi zinto; kanjalo siyazi ukuba ubungqina bakhe buyinene. 25Kukho ke nezinye izinto ezininzi awazenzayo uYesu, ezingathi zithe zabhalwa ngazinye, ndithi nehlabathi eli alingezibambi iincwadi ezingabhalwayo. Amen.

Currently Selected:

uYohane uYohane 21: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in