YouVersion Logo
Search Icon

Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4

Kwabase-Efese 4
1Ndiyanivuselela ngoko, mna mbanjwa waseNkosini, ukuba nihambe ngokuwufaneleyo ubizo enabizwa ngalo; 2Ninako konke ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, ninyamezelana ngothando. 3Zabalazelani ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo. 4Mnye umzimba, mnye noMoya, njengokuba nabizwayo nokubizwa, naba nathemba linye lobizo lwenu. 5Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo, 6Mnye uThixo, uYise wabo bonke, ophezu kwabo bonke, okubo bonke, ophakathi kwenu nonke. 7Kodwa elowo kuthi ubabalwa ngokomlinganiselo wesisa sikaKrestu. 8Kungoko athi, Enyuke waya enyangweni, wathimba intimbo, Wabapha izipho abantu. 9Oko ke kuthi, wenyuka, kuyintoni na, kungekwakukuthi, wehla nokuhla kuqala, waya kwezona zisezantsi iindawo zomhlaba? 10Lowo wehlayo ikwangulowo wenyukayo, waya ngaphezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise zonke izinto. 11Wabapha abanye ukuba babe ngabapostile; abanye ke bangabaprofeti; inxenye yaba ngabashumayeli; inxenye ke yaba ngabalusi nabafundisi; 12ukuze abangcwele bagqibelele, kuse umsebenzi wolungiselelo, ukuze uwakhe umzimba kaKristu; 13side thina sonke sifike kubo ubunye bokholo, nobokumazi okumazi kakuhle uNyana kaThixo, ebudodeni obupheleleyo, emlinganisweni wobukhulu bokuzala kukaKristu; 14ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokukhohlisa kwabantu, ngobuqhetseba bobuqhinga; 15Ke sithetha inyaniso ngothando, sikhule ngeendawo zonke kuye, lo uyintloko, uKristu; 16ekuphuma kuye ukuthi, umzimba wonke uhlangane kakuhle, ubandakanywe ngako konke ukwabanayo ukwasebenza ilungu ngalinye, ukhulisa umzimba ekuzakhenise eluthandweni. 17Ke ngoko, oku ndiyakutsho, ndikungqinela ngokwaseNkosini, ukuba ningabi sahamba njengoko zihamba ngako ezinye iintlanga, ngamampunge engqiqo yazo; 18Zenziwe mnyama iingqondo, zahlukanisiwe nobomi bukaThixo ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yobumfama bentliziyo; 19abathe, bengaziva, bazinikela eburheletyweni, besebenza ubunqambi bonke, bebawa. 20Ke nina animfundanga ngokunjalo uKristu; 21Ukuba okunene nimvile, nafundiswa nguye, njengokuba inyaniso ikuye uYesu; 22yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla; 23manihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu; 24Nambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso. 25Kungoko ke ndithi, lahlani ubuxoki, thethani inyaniso elowo nommelwane wakhe; ngokuba singamalungu, omnye elelomnye. 26Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile; 27kananjalo musani ukumkhwelela indawo uMtyholi lo. 28Lowo ubayo makangabi seba; kanye ke makabulaleke esebenza okulungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nako ukwabela osweleyo. 29Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu; 30Kanjalo musani ukumenza buhlungu uMoya oyiNgcwele kaThixo, enathi kuye natywinwa, naqiniselelwa imini yentlawulelo. 31Mabukhweleliswe kuni bonke ubukrakra, nomsindo, nengqumbo, nengcolo, nonyeliso, ndawonye nolunya lonke; 32Ke nina yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane kakhulu, nixolelane, njengokuba naye uThixo wanixolelayo ekuKristu.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in