KwabaseKorinte 2 KwabaseKorinte 2 – 9
KwabaseKorinte 2 – 9
1Kuba okunene ngako ukulungiselela abangcwele, okunene akufuneki ukuba ndinibhalele; 2Kuba ndiyakwazi ukuthumekelela kwenu, endiqhayisa ngako ngani kwabelaseMakedoni, ndisithi elaseAkaya beliselilunge kwanyakenye; nokuzondelela kwenu kwaxhokonxa abaninzi. 3Ke kaloku ndithume abazalwana, ukuze iqhayiya lethu ngani lingalanjathiswa ngale ndawo; ukuze nithi, njengokuba benditshilo, nibe senilungile; 4hleze kuthi, ukuba bathe bafika nam abelaseMakedoni, banifumana ningekalungi, sidaniswe thina (ukuba asingethi, kudane nina) koko kukholosa kokuqhayisa. 5Ngoko ke ndibe kuyafuneka ukubavuselela abazalwana, ukuba baqale beze kuni, bayilungise ngaphambili isisa senu, enisixelelwe ngenxa engaphambili, ukuze sibe silungile, sibe sinjengesibabalo, singabi sesokubawa. 6Nditsho ke ukuthi, Lowo uhlwayela ngokuvimba wovuna kwangokuvimba; nalowo uhlwayela ngesisa wovuna kwangesisa. 7Elowo makanike njengoko agqibe ngako entliziyweni; kungabi ngokuphuma kabuhlungu, nangokunyanzelwa; kuba uThixo uthanda umphi ochwayithileyo. 8Unako ke uThixo ukuphuphumisela kuni ubabalo lonke; ukuze nithi, nihlala ninako nje ukwanela konke ngeendawo zonke, niphuphumele emsebenzini wonke olungileyo; 9njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wasasaza, wapha abasweleyo, ubulungisa bakhe buhlala buhleli. 10Lowo unika imbewu umhlwayeli wokulungiselela isonka sokudla kwenu, aphinde ayandise imbewu yenu, andise isiqhamo sobulungisa benu; 11nithi ngeendawo zonke nityetyiselwe ekunyaniseni konke, kona kusebenzayo ngathi umbulelo kuThixo. 12Ngokuba ulungiselelo lwalo mbuso alwaneli kuzalisela iintsilelo zabangcwele; lusuka kananjalo luphuphume imibulelo emininzi kuye uThixo; 13besithi nje, ngako ukucikideka kolo lulungiselelo, bamzukise uThixo ngenxa yokulululamela kwenu uvumo lwenu kwiindaba ezilungileyo zikaKristu, nangenxa yokunyanisa kokudlelana kwenu ngokusingisele kubo nakubantu bonke; 14Ngoku ke benikhungela ngenxa yenu, benilangazelela ngenxa yobabalo lukaThixo oluncamisileyo kuni aba. 15Makubulelwe ke kuThixo ngenxa yesipho sakhe esingathethekiyo.
Currently Selected:
KwabaseKorinte 2 KwabaseKorinte 2 – 9: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.