YouVersion Logo
Search Icon

KwabaseKorinte 2 KwabaseKorinte 2 – 7

KwabaseKorinte 2 – 7
1Sinawo nje ngoko la madinga, zintanda, masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya sibufeza ubungcwele, sisoyika uThixo. 2Samkeleni; asonanga mntu, asonakalisanga mntu, asonakalisanga mntu. 3Anditsho ngakunigweba; kuba sendithe ngaphambili, nisezintliziyweni zethu ukuba sife nani, sidle ubomi nani. 4Ndinokungafihlisi okukhulu kuni, ukuzingca kwam ngani; ndizele yintuthuzelo, ndinovuyo olugqithileyo kuyo yonke imbandezelo yethu. 5Kuba sithe sakufika kwelaseMakedoni, ayaba nakuphumla nakanye inyama yethu; sabandezelwa ngeenxa zonke; ngaphandle ikukulwa, ngaphakathi kukoyika. 6Kodwa ke uThixo, obathuthuzelayo abathobekileyo, wasithuthuzela ngokufika kukaTito; 7akwaba ngakufika kwakhe ke kuphela, kwaba ngayo intuthuzelo awathuthuzeleka ngayo kuni, esityela ulangazelelo lwenu, isijwili senu, nokuzohlwaya kwenu ngam; kangangokuba ndaba nemihlali ngakumbi. 8Kuba nakuba ndikhe ndanenza buhlungu ngencwadi leyo, andizohlwayi, nakuba ndikhe ndazohlwaya; 9Ngoku ke ndiyavuya, ndingavuyeli kuba neenziwa buhlungu, ndivuyela ukuba nenziwa buhlungu ngokwasinga enguqukweni; 10Kaloku ukuba buhlungu ngokukaThixo kusebenza inguquko esingisa elusindisweni, ekungekho kuzohlwaya ngayo; ke kona okwehlabathi ukuba buhlungu kusebenza ukufa. 11Kuba, yabonani kwaezo zinto, ukuba nenziwa buhlungu ngokokukaThixo, kwathi ukunyameka okungako kuni, kwanenzondelelo kuni; yimpindezelo enjani! Ezintweni zonke niziqondakalisile, ukuba nimsulwa kulo mcimbi. 12Ngoko ke, noko ndanibhalelayo, andikwenzanga oko ngenxa yalowo wamonayo omnye, kanjalo andikwenzanga ngenxa yalowo woniwayo; ndakwenzela ukuze kubonakalaliswe kuni ukuninyamekela kwethu emehlweni kaThixo. 13Ngoko ke, sithuthuzelekile ngenxa yokuthuthuzeleka kwenu; saza savuya kakhulu ngakumbi ngokuvuya kukaTito; ngokuba waphunyuzwayo umoya wakhe nini nonke. 14Ngokuba ukuqhayisa endaqhayisa ngako ngani, andidaniswanga ngako; njengokuba sazithetha kuni izinto zonke sinyanisile, ngokunjalo nokuqhayisa kwethu oko phambi koTito kwaba yinyaniso. 15Imfesane yakhe isenkulu ngakuni ngokugqithiseleyo, akukhumbula ukumva kwenu nonke nokokuba namamkelayo ninokoyika nokugubha. 16Ndiyavuya ngoko, kuba ndomelezekile kuni ezintweni zonke.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in