YouVersion Logo
Search Icon

KwabaseKorinte 2 KwabaseKorinte 2 – 11

KwabaseKorinte 2 – 11
1Akwaba ningandi nyamezela kancinane ekusweleni kuqonda kwam! 2Kuba ndiyanikhweletela ngekhwele likaThixo; kuba ndanendisa ndodeni-nye, ukuze ndinimise phambi koKristu niyintombi enyulu. 3Ndiyoyika ke, hleze kuthi, njengokuba inyoka yamlukuhlayo uEva ngobuqhetseba bayo, zonakaliswe ngokunjalo nani iingqiqo zenu, zimke ekunyaniseni kuye uKristu. 4Kuba kaloku, xa lowo uzayo avakalisa omnye uYesu, esingamvakalisanga thina, nokuba namkela moya wumbi enaningamkelanga wona, nokuba ziindaba ezilungileyo ezizimbi enaningamkelanga zona, beningaba kambe niyatyapha ukumnyamezela. 5Kuba ndiba andisilele nganto kwabona bapostile baziincamisa. 6Nakuba ke ndiliyilo ngentetho, andinjalo ngokwazi; sabonakalaliswa kuni ngeendawo zonke. 7Ndenza isono na ngokuzithoba, ukuze niphakanyiswe nina, ngokuba ndanishumayezayo ngesisa iindaba ezilungileyo zikaThixo? 8Amanye amabandla kaThixo ndawabhunyula, ndisamkela umvuzo ukuze ndilungiselele nina. 9Kanjalo xa ndandikho kuni ndiswele, andibanga mthwalo mntwini; kuba ukuswela kwam bakwenzelela abazalwana, ababevela kwelaseMakedoni; Ndiyazigcina. 10Ikum nje inyaniso kaKristu, ndithi olo luqhayiso aluyi kuvingcwa mlomo mayela nam, mna, kwimimandla yelaseAkaya. 11Ngani na? ngokuba ndinganithandi na? uThixo uyazi. 12Endikwenzayo ke ndiya kukwenza, ukuze ndibahluthe ithuba lokujinda abafuna ithuba; ukuze entweni abaqhayisela ngayo, bafunyanwe bekwanjengathi. 13Kuba abanjalo ngabapostile ababuxoki, ngabasebenzi abakhohlisayo, bezimilisa okwabapostile bakaKristu. 14Ke akummangaliso oko; kuba noSathana ngokwakhe uzimilisa okwesithunywa sokukhanya. 15Ngoko ke akunto inkulu ukuba nabalungiseleli bakhe bazimilise okwabalungiseleli bobulungisa; abasiphelo siya kuba ngokwemisebenzi yabo. 16Ndibuya ndithi, Makungabikho mntu uba ndingoswele ukuqonda; okanye ke kambe, ndamkeleni njengoswele ukuqonda, ukuze ke ndiqhayise kancinane nam. 17Oku ndikuthethayo, andikuthethi ngokweNkosi; ndikuthetha ngokoswele ukuqonda, ndinoko kukholosa koqhayiso. 18Ekubeni bebaninzi ke abaqhayisa ngokwenyama, ndoqhayisa nam. 19Kaloku niyabanyamezela ngovuyo abaswele ukuqonda, niziingqondi nje nina. 20Kuba niyanyamezela, ukuba umntu unenza amakhoboka, ukuba umntu uyanidla, ukuba umntu uyanibambisa, ukuba umntu uyaziphakamisa, ukuba umntu uyanibetha ebusweni. 21Ndithetha ngengcikivo, ngathi siswele amandla thina. Entweni ke asukuba umntu enobuganga (ndithetha ndinokuswela ukuqonda), ndinobuganga nam. 22BangamaHebhere na? Ndinguye nam. BangamaSirayeli na? nam ndinjalo. Bayimbewu ka-Abraham na? nam kunjalo. 23Bangabalungiseleli bakaKristu na? (Ndithetha njengesidenge) Ndingaphezulu; ngokubulaleka okugqithiseleyo, ngemivumbo egqithe emgceni, ngokuba sezintolongweni ngokugqithiseleyo, ngokuba sekufeni futhi. 24KumaYuda ndafumana izihlandlo ezihlanu imivumbo emashumi mane, kwasala omnye. 25Kukathathu ndibethwa ngeentswazi, okunye ndaxulutywa ngamatye, ndaphukelwa ngumkhombe kathathu, ndenze ubusuku nemini enzulwini; 26ngokuhamba okufuthi, ngeengozi zamanzi, ngeengozi zezihange, ngeengozi ngabakowethu, ngeengozi ngenxa yeentlanga, ngeengozi phakathi komzi, ngeengozi entlango, ngeengozi elwandle, ngeengozi phakathi kwabazalwana ababuxoki. 27Ekubulalekeni nasekubulalekeni, ngokuphapha okufuthi, ngokulamba nokunxanwa, ngokuzila ukudla okufuthi, ngengqele nobuze. 28Ndingasazibali zona izinto ezingaphandle kwezo, ndingungelwe imihla ngemihla kukuwaxhalela onke amabandla kaThixo. 29Ngubani na okha aswele amandla, ndingasweli mandla nam? Ngubani na okha akhutyekiswe, ndingatshi? 30Ukuba ndimelwe kukuqhayisa, ndoqhayisa ngezinto zokuswela amandla kwam. 31uThixo uYise weNkosi yethu uYesu Krestu, ongowokubongwa kude kube ngunaphakade, uyazi ukuba andixoki. 32eDamasko irhuluneli ephantsi kokumkani uAreta yayiwugcina umzi waseDamasko, ifuna ukundibamba; 33Ndaza ngekroba ndathotywa ngomnyazi eludongeni, ndasinda ezandleni zakhe.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in