YouVersion Logo
Search Icon

KwabaseKorinte 1 KwabaseKorinte 1 – 2

KwabaseKorinte 1 – 2
1Mna ke, ndakuba ndizile kuni, bazalwana, andizanga ngabugcisa bakuthetha nabulumko, ndinazisa ubungqina bukaThixo. 2Kuba ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguYesu Kristu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni. 3Mna kuni ndafika ndaba ngothambileyo, onokoyika, onokugubha okukhulu. 4Nokuthetha kwam, nokuvakalisa kwam uKristu kube kungengamazwi oyisa ngabulumko babantu; 5ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, lube semandleni kaThixo. 6Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ubulumko ke obungebubo obeli phakade, nobabaphathi beli phakade ababhangayo. 7Sithetha ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu; 8ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo; kuba, ukuba babebazi, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko. 9Kodwa njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo. 10uThixo wazityhila kuthi ke ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, neenzulu zikaThixo. 11Kuba nguwuphi na kubantu ozaziyo izinto zomntu, ingenguwo umoya womntu okuye? Ngokunjalo nezinto zikaThixo akukho namnye uzaziyo, ingenguye uMoya kaThixo. 12Ke thina asamkelanga moya wehlabathi; samkele uMoya ophuma kuThixo; ukuze sizazi izinto esazibabalwa nguThixo. 13Esizithethayo nokuzithetha, kungengamazwi anokufundiswa bubulumko babantu, kungawo anokufundiswa nguMoya oyiNgcwele; sithelekisa izinto zoMoya nezoMoya. 14Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya. 15Ke ongowoMoya okunene uphicotha zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akaphicothwa mntu. 16Kuba ngubani na oyaziyo ingqiqo yeNkosi, oya kuthi ayifundise? Ke thina sinayo ingqiqo kaKristu.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in