U‐Zekariya 6
6
1NDABUYA ndapakamisa amehlo am, ndakangela, kekaloku bona ke, kwapuma inqwelwana zane pakati kwentaba zimbini; kanjalo intaba ezo bezizintaba zobedu. 2Kweyokuqala inqwelwana ebengamahashe abomvu; nakweyesibini inqwelwana ebengamahashe amnyama; 3nakweyesitatu inqwelwana ebengamahashe amhlope; nakweyesine inqwelwana ebengamahashe angamaṙwexu nangwevu. 4Ndaza ndapendula ndati kwingelosi eyateta kum: Ayinina la, nkosi yam? 5Yapendula ingelosi yati kum: La ngomoya abane basezulwini, bepuma ekuzimiseni kwabo pambi kwenkosi yomhlaba wonke. 6Leyo amahashe amnyama akuyo, ayapuma wona ukuya elizweni lasenode; namhlope ayapuma ukuya ngasemva kwawo; namaṙwexu ayapumela elizweni lasesuyide. 7Apuma nangwevu, afuna ukuya kuhambahamba elizweni. Yayisiti: Hambani, nihambahambe elizweni. Andula ahambahamba elizweni.
8Yaza yandibiza, yateta kum, isiti: Kangela, lawo apumayo ukuya elizweni lasenode, apumzile umoya wam elizweni lasenode.
9KEKALOKU ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 10Tabata kubatinjwa, ku‐Heledai, ku‐Tobiya, naku‐Yedaya, abafikileyo bevela e‐Babilone, uze wena ngalomini, ungene endlwini ka‐Josiya unyana ka‐Tsefaniya; 11ewe, tabata isilivere negolide, uzenze ikrone, uzibeke pezu kwentloko ka‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, umperisite omkulu; 12uze utsho kuye usiti: Utsho uyehova wemikosi ukuti:
Bona ke indoda, ngulisebe igama layo, eya kuhluma endaweni yayo, iyake itempile kayehova. 13Kwa yona iya kuyaka itempile kayehova, ewe, yona iya kutwala ubungcwalisa, ihlale ipate ngobukosi pezu kweterone yayo; yoba ngumperisite pezu kweterone yayo kanjalo; necebo loxolo loba pakati kwezonto zombini.
14Nekrone ezo zoba zezika‐Heleme, nezika‐Tobiya, nezika‐Yedaya, nezika‐Hene unyana ka‐Tsefaniya, zibe yinkumbuzo etempileni kayehova. 15Baya kuza nabakude, bayakise itempile kayehova; naniya kwazi ukuba uyehova wemikosi unditumile kuni. Kwoza kubako oku, nxa niya kuliva ngokukutala ilizwi likayehova, utixo wenu.
Currently Selected:
U‐Zekariya 6: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.