YouVersion Logo
Search Icon

U‐Zekariya 1

1
ISAHLUKO I.
1NGEYESIBOZO inyanga, ngomnyaka wesibini ka‐Dariyusi, leza ilizwi likayehova ku‐Zekariya, unyana ka‐Berekiya, unyana ka‐Hido, umprofite, lisiti:
2Wabequmbile uyehova koyihlo benu kakulu. 3Ngako yiti kubo: Utsho uyehova wemikosi ukuti: Buyelani kum, utsho uyehova wemikosi, ndandiya kubuyela kuni, utsho uyehova wemikosi. 4Ningabi njengoyihlo benu, abati abaprofite bapambili badanduluka kubo, besiti: Utsho uyehova wemikosi ukuti: Guqukani ke kuyo imikwa yenu ekohlakeleyo, nakuzo izenzo zenu ezikohlakeleyo; kanti abevanga, abapulapulanga kum kanjalo, utsho uyehova. 5Oyihlo benu, bapina bona? nabaprofite, bahlala kude kube ngunapakade na? 6Kodwa amazwi am, nemimiso yam, endayalela izicaka zam abaprofite ngayo, ayafumana oyihlo benu na? baza baguquka, bati: Njengokuba uyehova wemikosi wacinga ukwenza kuti, njengemikwa yetu, nanjengezenzo zetu, wenje njalo kuti.
7NGOWAMASHUMI mabini anesine umhla wenyanga yeshumi elinesinye, eyinyanga yo‐Shebate, ngowesibini umnyaka ka‐Dariyusi, leza ilizwi likayehova ku‐Zekariya, unyana ka‐Berekiya, unyana ka‐Hido, umprofite, lisiti:
8Ndabona ngobusuku, kekaloku nantsiya indoda ikwele ehasheni elibomvu, eyema pakati kwemiti yemutele etunzini, nasemva kwayo amahashe abomvu, nagwangqa, namhlope. 9Ndaza ndati: Ayinto nina la, nkosi yam? Yayisiti kum ingelosi eyateta nam: Ndokubonisa into ayiyo la. 10Yapendula indoda eyema pakati kwemiti yemutele, yati: La ngabo abatumileyo uyehova ukuhambahamba emhlabeni. 11Bapendula kuyo ingelosi kayehova eyema pakati kwemiti yemutele, bati: Sihambahambile emhlabeni: bona ke, umhlaba wonke uhleli, unokupumla.
12Yandula ingelosi kayehova yapendula yati: Yehova wemikosi! kwoba kade kangakananina ungabi nataṙu pezu kwe‐Yerusaleme, napezu kwezixeko zakwa‐Juda, oziqumbeleyo leminyaka imashumi asixe̔nxe? 13Waza uyehova wapendula ingelosi eyateta nam ngamazwi amnandi, ngamazwi atutuzelayo. 14Yaza ingelosi eyateta nam yati kum: Danduluka, usiti:
Utsho uyehova wemikosi ukuti: Ndinobukwele pezu kwe‐Yerusaleme, napezu kwe‐Ziyone, ngobukwele obukulu. 15Kanjalo ndiqumbile ngokuqumba okukulu ngakuzo izizwe ezisekwonwabeni: ngokuba bendiqumbile kancinane kodwa, kanti zona zincedele ububi. 16Ngako oko, utsho uyehova ukuti: Ndibuyele e‐Yerusaleme ngezibele: indlu yam iya kwakiwa kuyo, utsho uyehova wemikosi, nentambo iya kwolulwa pezu kwe‐Yerusaleme. 17Buya ndanduluke, usiti: Utsho uyehova wemikosi ukuti: Izixeko zam zisaza kupupuma ngobutamsanqa; ngokuba uyehova esaza kututuzela i‐Ziyone, esaza kuqasha i‐Yerusaleme.
18NDAZA ndapakamisa amehlo am, ndakangela, kekaloku nanziya impondo zine. 19Ndandisiti kuyo ingelosi eyateta nam: Ziyinto nina ezi? Yati ukundipendula: Ezi zimpondo ezici̔tileyo o‐Juda, no‐Sirayeli, ne‐Yerusaleme. 20Waza uyehova wandibonisa incibi zane. 21Ndandisiti: Ezi ziyeza ukwenza nto nina? Wayesitsho ukuti: Ezi zimpondo ezici̔tileyo o‐Juda, kwada akwabiko mntu owapakamisa intloko yake; kodwa ezi zize ukuzoyikisa, ukuwisa impondo zezizwe, ezapakamisa upondo ngakulo ilizwe lakwa‐Juda ukuba zilicite.

Currently Selected:

U‐Zekariya 1: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in