YouVersion Logo
Search Icon

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 4

4
1Pofu siya kuti nina u‐Abrahame ubawo wetu ufumene ngokwenyama? 2Ngokuba u‐Abrahame ukuba wagwetyelwa ngemisebenzi, unako angaqa̔yisa ngako: koko engenako pambi kwotixo: 3ngokuba isiba̔lo sisiti nina? u‐Abrahame wakolwa ngutixo, kwaza kwambalelwa kube kukulunga. 4Kekaloku lowo usebenzayo, umvuzo awumbalelwa ukuba ngofefe, koko ukuba ngetyala; 5kodwa lowo ungasebenziyo, koko ekolwa kulowo ugwebela abangabedeshiyo, ukolo lwake luyambalelwa lube kukulunga.
6Kwa njengokuba no‐Davide exela ubutamsanqa balomntu utixo abalelayo kuye ukulunga ngapandle kwemisebenzi, 7esiti: Banetamsanqa abazigqito zixolelweyo, nabazono ziselelweyo; 8unetamsanqa umntu uyehova angabaleli kuye isono.
9Obubutamsanqa ke butetwa pezu kwabanokwaluka na, butetwa napezu kwabanokungaluki kusinina? ngokuba sisiti ukolo lwabalelwa u‐Abrahame lube kukulunga. 10Lwatiwa nina ke ukubalwa? akuba ebesekwalukeni, akuba ebesekungalukini, kusinina? Ebengesekwalukeni, ebesekungalukini. 11Waza wamkela upa̔u lwokwaluka, isincamatiselo sokokulunga kwokolo abenalo ekungalukini kwake: ukuze abe nguyise wabo bonke abakolwayo besekungalukini; ukuba ukulunga kubalelwe kubo nabo; 12noyise wabanokwaluka, kwabangengabo basekwalukeni kodwa, koko kwabati kanjalo bahambe emikondweni yokolo lwobawo wetu u‐Abrahame abenalo ekungalukini kwake.
13Ngokuba bekungengawo umteto idinga labekelwa u‐Abrahame nenzalo yake, lokokuba abe yindlalifa yelizwe, bekungako ukulunga kwokolo. 14Ngokuba abo basemtetweni ukuba bazindlalifa, ukolo lwenziwe into engento yanto, nedinga litshitshisiwe: 15ngokuba umteto uzuzisa umsindo; ngokuba apo kungeko kona umteto, kungeko nesigqito. 16Ngenxa yoku ilifa lelaselukolweni, ukuba libe ngofefe; ukuze idinga libe liqinisekile kuyo yonke inzalo, kungabi kuleyo yasemtetweni yodwa, kube nakuleyo yaselukolweni luka‐Abrahame; ongubawo wetu sonke, 17(njengokuba kuba̔liwe ukuti: Ndikwenzile uyise wentlanga ezininzi,) ebusweni balowo tixo wakolwa kuye, oti abadlise abafileyo ubomi, abize izinto ezingekoyo njengokuba ziko: 18owati lakugqita itemba wakolwa ngetemba, ukuba abe nguyise wentlanga ezininzi, njengoko kube kutshiwo: Yoba njalo inzalo yako. 19Kanjako engebutataka ekukolweni, akakumbulela owake umzimba obusel’ ufile, epants’ ukuba yiminyaka elikulu ubudala bake, kwa nokufa kwesizalo sika‐Sara: 20nedinga likatixo akalitandabuzela ngokungakolwa; koko womelezekayo ekukolweni, enika utixo udumo, 21ekolisile ukukolwa kanjalo ukuba oko akubekele ngedinga unamandla nokukwenza. 22Kwaza ngoko ke kwambalelwa kube kukulunga.
23Kekaloku kwakungaba̔lwa ngenxa yake yedwa, ukuti kwambalelwa; 24koko kwaba̔lwa nangenxa yetu, ekuya kusibalelwa, tina bakolwayo kulowo owavusa u‐Yesu inkosi yetu ekufeni; 25owanikelwa ngenxa yeziposo zetu, waza wavuswa ngenxa yokugwetyelwa kwetu.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in