YouVersion Logo
Search Icon

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 2

2
1NGAKO oko akunakulandula, mntundini! ungosukuba egweba: ngokuba ngoko umgweba omnye umntu ngako, uzigweba wena ngokwako; ngokuba izinto ezikwa zizo uzenza wena ugwebayo. 2Kekaloku siyazi ukuba umgwebo katixo ungokwenyaniso ngakubo abazenzayo izinto ezinjalo. 3Nawe, mntundini! ubagwebayo abo bazenza izinto ezinjalo, xa uzenza kwa zona, uyatelekelelisa oku na, ukuba uya kusinda emgwetyweni katixo? 4uyabudela kusinina ubutyebi bobubele bake nonyamezelo lwake nokuzeka kade kwake; ungazi ukuba ububele bukatixo buyakukokela eluguqukweni? 5uze uti ngokwobulukuni bako nentliziyo engenakugqoboka uzibekele umsindo emhleni womsindo nokutyilwa kwokugweba okulungileyo kukatixo: 6oya kuvuza abanye ngabanye ngokwemisebenzi yabo; 7abo ke abati ngokuba nomonde ekwenzeni okulungileyo bafune ubungewalisa, nembeko, nokungaboli, ngobomi obungunapakade: 8kodwa kubo abanenkani, abangalulameli inyaniso ke, koko belulamela okungalungileyo, kwobako ingqumbo nomsindo, 9imbandezelo nobunzima, pezu kwayo yonke imipefumlo yabantu abakwenza okukohlakeleyo, kwa eyama‐Juda kuqala, neyama‐Girike; 10kodwa kwobako ubungcwalisa, nembeko, noxolo, kubo bonke abakwenza okulungileyo, kwa kuwo ama‐Juda kuqala, nakuwo ama‐Girike: 11ngokuba kungeko ukuketa abantu kuye utixo.
12Ngokuba bonke abonileyo bengenamteto beya kububa kwa bengenamteto; kanjako bonke abonileyo bepantsi kwomteto baya kugwetywa ngomteto:— 13ngokuba kungengabo abapulapuli bomteto abalungile pambi kwotixo, kungabo abenzi bomteto abaya kugwetyelwa: 14ngokuba okuya abaheyideni, abangenamteto, bazenza ngemvelo izinto zomteto, aba, nakuba bengenamteto, bangumteto kwa kubo ngokwabo; 15ekubeni babonakalisayo umsebenzi womteto oba̔liweyo ezintliziyweni zabo, isazeliso sabo sinqi̔nelana nawo, nenkumbulo zabo ezinye nezinye zibanika ityala, okanye zibatetelela:— 16emhleni nxa utixo aya kugweba izinto ezifihlakeleyo zabantu ngo‐Yesu Kristu njengokwevangeli yam.
17Kangela, wena uyabizwa ngokuti ungum‐Juda, uyayama pezu kwomteto, uyaqa̔yisa kutixo, 18uyayazi intando yake, uyaziqiqa izinto ezigqitiseleyo, ufundiswa nje emtetweni; 19kanjalo uyatembela ukuba wena ngokwako ungumkokeli wemfama, ukanyiso lwabasebumnyameni, 20umluleki wabazidenge, umfundisi wentsana, unesimilo sokwazi nesenyaniso emtetweni: 21wena ngoko ofundisayo omnye, akuzifundisi na? wena ushumayelayo ukuba makungebi̔wa, uyeba̔ na? 22wena utshoyo ukuti makungaṙexezwa, uyaṙexeza na? wena uzitiyayo izitixo, uyazipanga itempile na? 23wena uqa̔yisayo emtetweni, uyamdela utixo na ngokugqita umteto? 24Ngokuba igama likatixo ligxekwa pakati kwabaheyideni ngenxa yenu, njengokuba kuba̔liwe.
25Ngokuba ukwaluka kunceda okunene, xeshekweni uwenza umteto; kodwa xeshekweni ungumgqiti womteto, ukwaluka kwako kwenziwe ukungaluki. 26Xeshekweni ngoko onokungaluki ayibamba imimiso yomteto, ukungaluki kwake akuyi kubalwa na ngokuba kukwaluka? 27Kanjalo onokungaluki ngokuvela, ukuba uyafeza umteto, akayi kugweba wena yinina, oti ngegama nangokwaluka ungumgqiti womteto? 28Ngokuba engengum‐Juda, lowo unguye ngokupandle; kanjako akukukwaluka, oko kupandle enyameni: 29koko engum‐Juda, lowo unguye ngokupakati; nokwaluka kukokwentliziyo, emoyeni, kungesegameni; okukudunyiswa kungaveli ebantwini, kuvela kutixo.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in