Amaculo 8
8
ICULO VIII.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngegititi.
1YEHOVA, Nkosi yetu! hai ubungcwalisa begama lako emhlabeni wonke! wena ububekileyo pezu kwezulu ubukulu bako. 2Kwa semlonyeni wentsana nabanyayo umsile udumiso, ngenxa yabalane bako, ukuze upezise utshaba nopindezelayo.
3Ndindakukangela izulu lako, umsebenzi weminwe yako, inyanga nenkwenkwezi ozilungisileyo; 4uyinina umntu, lento umkumbulayo? kwa nonyana woluntu, lento umnonelelayo? 5Ngokuba umenzile abe ngapantsi kancinane kuzo ingelosi; umpahlile ngobungcwalisa nangodumo. 6Umpatisile ubukosi pezu kwemisebenzi yezandla zako; zonke izinto uzibekile pantsi kwenyawo zake: 7igusha nenkabi zonke; kwa nezilo zezindle; 8intaka zezulu, nentlanzi zolwandle; nento edlulayo ezindleleni zolwandle.
9 Yehova, Nkosi yetu! hai ubungcwalisa begama lako emhlabeni wonke!
Currently Selected:
Amaculo 8: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.