Amaculo 68
68
ICULO LXVIII.
Iculo lika‐Davide, lokuvunywa, liba̔lelwe umhlabeli omkulu.
1MAKAVUKE utixo, mazicitwe intshaba zake; nabo bamtiyayo mababaleke ubuso bake. 2Baqu̔be, njengokuba kuqu̔tywa umsi: njengokunyibilika kwamakambe emlilweni, mabatshabalale njalo abakohlakeleyo ebusweni bukatixo. 3Kodwa abalungileyo mabavuye bona; mabagcobe pambi kwo tixo; ewe, mabavuye ngovuyo olukulu.
4Vumani kutixo, culani egameni lake; bongani okwelayo emazulwini ngegama lake eli nguyehova, nigcobe ebusweni bake. 5Unguyise wenkedama, nomgwebeli wabahlolokazi, utixo ekayeni lake eliyingcwele. 6Utixo uyahlalisa amagantuntu endlwini; ababanjiweyo uyabaku̔pela ebutamsanqeni; kodwa abanenkani bahleli endaweni eyomileyo.
7 Tixo! wakupumela pambi kwabantu bako, wakuhamba ebugxwayibeni; Sela: 8umhlaba wangcangcazela, nezulu latontsela ebusweni bukatixo; kwa le‐Sinai ebusweni botixo, botixo wo‐Sirayeli. 9Wena, Tixo! waunisa imvula enkulu; wamisa ilifa lako lakudinwa. 10Umhlambi wako uhleli kulo; wena, Tixo! ulungisele amahlwempu ngobubele bako. 11Inkosi yanika ilizwi; abafazi abashumayelayo indaba bangumkosi omkulu. 12Okumkani bemikosi babaleka ngokubaleka; waza umfazi owasala ekaya waba amaxoba. 13Nxa niya kulala pantsi pakati kwezibaya, niya kuba njengamapiko ehobe eligujungelwe ngesilivere, nentsiba zalo ngegolide elubelu. 14Nxa onamandla onke wabacita okumkani kulo, laba mhlope njengengqweqwe e‐Tsalimone.
15Yintaba katixo intaba ye‐Bashane, yintaba ende intaba ye‐Bashane. 16Ninomona nganina, zintaba ezinde? Nantsi intaba utixo atanda ukuhlala kuyo: ewe, uyehova uya kuma kona kude kube ngunapakade. 17Inqwelo zokulwa zikatixo zimawaka amashumi mabini, kwa amawaka apindapindiweyo: inkosi ipakati kwawo njengase‐Sinai, endaweni eyingcwele. 18Unyukele enyangweni wena; amatinjwa uwatimbile; wamkelele abantu izipiwo, ewe, nabanenkani, ize uyehova utixo ahlale pakati kwabo. 19Maibongwe inkosi imihla ngemihla: nakuba ibeka umtwalo pezu kwetu, i ngutixo wosindiswa lwetu noko. Sela.
20 Utixo wetu ngutixo wosindiso; nakuye uyehova oyinkosi kulunge izipumelo ekufeni. 21Ngenyaniso utixo uya kulimaza intloko yentshaba zake, nokakai olunenwele lwomana ehamba etyaleni lake. 22Yati inkosi: Ndiya kubuyisa e‐Bashane; ndiya kubuyisa ezinzulwini zolwandle; 23ukuze ulushukumise unyawo lwako egazini lentshaba, nolwimi lwezinja zako kwelezinye ngezinye.
24Babonile izihambo zako, Tixo! kwa izihambo zotixo wam, zokumkani wam, endaweni eyingcwele. 25Abavumi bahamba pambili; ababeti beziculiso bebengasemva; ngapakati bekuko intombi zibeta intambula. 26Bongani utixo ezintlanganisweni, kwa inkosi, nina ningabomtombo ka‐Sirayeli! 27Kuko um‐Benjamine omncinane nompati wabo, inkosi zakwa‐Juda namapakati azo, inkosi zakwa‐Zebulone, nenkosi zakwa‐Nefatali.
28 Utixo wako umisele amandla ako; yomeleza, Tixo! oko okwenzele tina. 29Ngenxa yetempile yako e‐Yerusaleme, okumkani bozisa iminikelo kuwe. 30Tetisa isilo sasezingcongolweni, intlanganiso yenkunzi, kunye namatole ezizwe, nabo bazitobayo ngeziqingata zesilivere: uzicitile yena izizwe ezitanda imfazwe. 31Kwovela amanene e‐Jipete; u‐Kushe wokauleza ukwolulela kutixo izandla zake.
32Vumani kutixo, zikumkani zomhlaba! culani kuyo inkosi; Sela; 33kulowo ukwela emazulwini amazulu kwa kudala: bona ke, uyaku̔pa ilizwi lake, ilizwi elinamandla. 34Nikelani kutixo udumo; obungcwalisa bake bupezu kwo‐Sirayeli, namandla ake asesibakabakeni. 35Uyoyikeka, Tixo! usezindaweni zako ezingcwele; utixo wo‐Sirayeli nguye onika abantu amandla nobomelelo. Makabongwe utixo.
Currently Selected:
Amaculo 68: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.