Amaculo 62
62
ICULO LXII.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu, u‐Jedutune.
1NGENYANISO umpefumlo wam uyalinda utixo: luvela kuye usindiswa lwam. 2Ngenyaniso nguye ilityekazi lam nosindiso lwam; nguye inyango yam, andiyi kushukunyiswa kakulu. 3Nomana ukuqinga ububi ngasemntwini kude kube ninina? niya kubulawa nonke; niya kuba njengodonga olutambekayo notango oluwayo. 4Bayacebana kupela ukuba bamwise ebukulwini bake; bayatanda ubuxoki; bayatamsanqelisa ngomlomo wabo, kanti ngombilini wabo bayaqalekisa. Sela.
5Kodwa wena, mpefumlo wam! yiti cwaka pambi kwotixo; ngokuba ukukangela kwam kuvela kuye. 6Ngenyaniso nguye ilityekazi lam nosindiso lwam; nguye inyango yam, andiyi kushukunyiswa. 7Usindiswa lwam lu kutixo, kwa nobungcwalisa bam; ilityekazi lamandla am, nendawo yam yokupepela, zikutixo. 8Tembani yena futi, bantu! palazani intliziyo yenu ebusweni bake: utixo uyindawo yokupepela kuti. Sela.
9Ngenyaniso abantu abamnyama abandawo; abantu abakulu babuxoki: esilinganisweni bayanyuka, belula kokungendawo kwa kunye. 10Musani ukutemba ekubandezeleni; musani ukuqa̔yisa ekubadeni: nxa ubutyebi bandayo, musani ukumisa intliziyo. 11Utixo wateta kwa kanye; kukabini endikuvileyo oku; ukuba amandla alunge kutixo. 12Kanjako kuwe, Nkosi! kulunge ububele; ngokuba uvuza abanye ngabanye njengokwemisebenzi yabo.
Currently Selected:
Amaculo 62: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.