Amaculo 34
34
ICULO XXXIV.
Elika‐Davide, okuya wayenza yimbi ingqondo yake ebusweni buka‐Abimeleki, owamgxota, wada wemka.
1NDIYA kumbonga uyehova ngamaxesha onke; udumo lwake luya kuba semlonyeni wam futi. 2Umpefumlo wam uya kuqa̔yisa ngoyehova; abalulamileyo bova bavuye. 3Yenzani nam ukumenza mkulu uyehova; masipakamise kunye igama lake.
4Ndafuna uyehova, wandipendula ke, wandikulula kuzo zonke izoyiko zam. 5Bakangela kuye, bakanyiswa ke; ubuso babo bebungenakudana. 6Elihlwempu labiza, wati uyehova weva, walisindisa kuzo zonke imbandezelwa zalo. 7Ingelosi kayehova iyamela abo bamoyikayo ngokungqonga, ibakulule.
8Yivani nibone ukuba uyehova ulungile; unetamsanqa lomntu umtembayo. 9Yoyikani uyehova, nina bangcwele bake! ngokuba kungeko kuswela kwabo bamoyikayo. 10Ingonyamana ziyaswela, zive ukulamba; kodwa abafuni bakayehova abayi kuswela nto ilungileyo. 11Yizani, lusapo! nipulapule kum; ndiya kunifundisa ukwoyika uyehova. 12Nguwupina lomntu okanuka ukudliwa kwobomi, otanda imihla, ukuze abone ukulunga? 13Bamba ulwimi lwako lungayi enkohlakalweni, nomlomo wako ungateti inkohliso. 14Suka enkohlakalweni, wenze okulungileyo; funa uxolo, uluputume ke.
15Amehlo kayehova angakubo abalungileyo, nendlebe zake zingakuko ukukala kwabo. 16Ubuso bukayehova bungakubo abenzi benkohlakalo, ukuze kunqanyulwe ukukunjulwa kwabo emhlabeni. 17Bayakala abalungileyo, uyeva ke uyehova; nakuzo zonke imbandezelwa zabo uyabahlangula. 18Uyehova ukufupi nabo banentliziyo eyapukileyo; uyasindisa abo banomoya ogqobokileyo. 19Zininzi intsizi zolungileyo, kodwa kuzo zona zonke uyehova uyamkulula. 20Uyagcina amatambo ake onke; akuko nalinye kuwo elapulwayo. 21Ububi buya kubulala okohlakeleyo; nabo batiya olungileyo bomiselwa ityala. 22Uyehova uyakulula imipefumlo yezicaka zake: nabatemba yena akuko namnye oya kumiselwa ityala.
Currently Selected:
Amaculo 34: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.