YouVersion Logo
Search Icon

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Filipi 2

2
1UKUBA ngoko kuko ulwonwabiso ku‐Kristu, ukuba kuko intutuzelo yotando, ukuba kuko ubudlelana bomoya, ukuba kuko inceba nezibele, 2zalisani uvuyo lwam, ukuba nibe nokuvumelana, ninotando olukwa lulo, ninompefumlo mnye, ninyamekela into ekwa nye; 3ningenzi luto ngokwenkani umhlaumbi ngokwokuzidla, koko ngokutobeka kwentliziyo abanye bebalela abanye ukuba bayabagqitisela. 4Maniti nonke ngabanye ningagqali ezenu izinto, koko nonke ngabanye nigqale nezabanye.
5Lenyamekelo okunene maibeko kuni, ebiko nakuye u‐Kristu Yesu: 6obete, esebumeni bukatixo nje, akaba kuyinto yokubanjwa ukulingana kwake notixo, 7koko wazincipekisa, watabata ubume besicaka, wenziwa ekufaneni kwabantu; 8waza efunyenwe enesimilo njengomntu, wazitobisa, waba elulamile kwada kwasekufeni, ewe ekufeni kwekuruse. 9Ngako oko kanjalo utixo wampakamisa kakulu, wampa igama elipezulu kuwo onke amagama; 10ukuze egameni lika‐Yesu kutobe onke amadolo, awezinto zasezulwini, nawezasemhlabeni, nawezapantsi kwomhlaba; 11nokuba zonke ilwimi zivume ukuba u‐Yesu Kristu u yinkosi, kube kukudunyiswa kukatixo uyise.
12Kwa njalo ke, bazalwana bam! njengokuba nibe nilulamile ngamaxesha onke, kungabi njengokuya ndikoyo kodwa, kube kaloku kakulu ngakumbi okuya ndingekoyo, fezani olwenu usindiswa ninokwoyika nokututumela: 13ngokuba utixo enguye osebenzayo kuni, kwa nokutanda nokwenza, ngenxa yenkoliso yake. 14Zonke izinto zenzeni ningenakuṙoṙa nokupikisana; 15ukuze nibe ningenatyala, ningenamaqokolo, nilusapo lukatixo olungohlwayekiyo, pakati kwaso isizukulwana esigoso nesigwenxa, eniti pakati kwabo nibonakale njengezikanyiso elizweni, 16nisolulisa ilizwi lobomi; ndize ndibe nento yokuqa̔yisela emhleni ka‐Kristu, ukuba andifumane ndabaleka, andifumane ndasebenza kanjako.
17Koko ukuba ndika nditululwe pezu kwedini nesikonzo senkolo yenu, ndivuya, ndivuyelane nani nonke. 18Nangenxa yelituba vuyani nani, nivuyelane nam.
19Kodwa ndiyatemba enkosini u‐Yesu ukutuma kuni u‐Timote kamsinya, ukuze nditi nam ndinyamnyeke, ndakukwazi okwenu. 20Ngokuba ndingenamnye ontliziyo ifana neyam, oya kuti ngobunyaniso akatalele okwenu. 21Ngokuba bonke abanye befuna ezabo izinto, bengafuni izinto zika‐Kristu Yesu. 22Kodwa ukulingwa kwake niyakwazi, okokuba wati, njengokuba umntwana ekonza kuyise, wakonzela ivangeli kunye nam. 23Yena lo ngoko ndiyatemba ukumtuma kwa oko, nxa sukuba sendibona izinto eziya kundihla. 24Kodwa ndiyatembela enkosini, ukuba ndoti kwa mna ngokwam ndize kamsinya.
25Noko ndaba kufanelekile ukutuma u‐Epafrodito umzalwana wam, ongumsebenzi nesodati kunye nam, kodwa umtunywa wenu, nomkonzi kwintswelo yam, ukuza kuni: 26ekubeni ebelangazelela nina nonke, wadandateka kakulu, ngenxa yokuba benivile ukuba ebesifa. 27Ngokuba okunene ebesifa epants ukufa: koko utixo ebenobubele ngakuye; bekungengakuye yedwa, bekungakum kanjalo, ukuze ndingabi nosizi pezu kwosizi. 28Ndinxamele ngakumbi ngoko ukumtuma, ukuze niti nakumbona nibuye nivuye, nditi nam ndibe lusizi ngento encinane ngakumbi. 29Mamkeleni ngoko enkosini ngovuyo lwonke, nize abanjalo nibabeke: 30ngokuba ngenxa yomsebenzi ka‐Kristu wasondela kwada kwasekufeni, enganonelelanga ubomi bake, ukuze akwenzelele ukusweleka kwenkonzo yenu ngakum.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in