YouVersion Logo
Search Icon

Ivangeli ka‐Mateyu 20

20
1Ngokuba ubukumkani bezulu bufana nomntu ongumninindlu, owapumayo kunye nokusa ukuya kuqesha abasebenzi baye esitiyeni sake. 2Wati akuba evumelene nabasebenzi basebenzele idenari ngemini nye, wabatuma esitiyeni sake. 3Waza wapuma ngeyure yesitatu, wabona abanye bemi endaweni yentengo bengenamsebenzi, 4wati nakwabo: Hambani nani niye esitiyeni sam, nento esukuba ifanelekile ndoyinika kuni. Bemka baya ke. 5Wabuya wapuma ngeyesitandatu nangeyesitoba iyure, wenza kwa ngokunjalo. 6Wapuma nangeyure yeshumi elinanye, wafumana abanye bemi bengenamsebenzi, wati kubo: Yinina ukuba nimi apa lemini yonke ningenamsebenzi? 7Bati kuye: Ngokuba kungeko mntu osiqeshileyo. Wati kubo: Hambani nani niye esitiyeni sam, nento esukuba ifanelekile niya kuyamkela. 8Kekaloku kwakuhlwa, wati umninisitiya kwigosa lake: Biza abasebenzi, ubamkelise umvuzo wabo, uqala ngabokugqibela nde ufike kwabokuqala. 9Bati bakuza abo babeqashiwe ngeyure yeshumi elinanye, bayamkela ngabanye idenari. 10Koko bakuza abokuqala, baba baya kwamkela into epezulu; baza nabo bayamkela ngabanye idenari. 11Bati bakwamkela, baṙoṙa ngakumninindlu, 12besiti: Aba bangabokugqibela basebenza iyure yanye kupela, kanti ubalinganisile nati nje, esatwalayo ubunzima bemini nobushushu obutshisayo. 13Koko wapendula wati kwomnye wabo: Sihlobo! andikwoni ke; ubungavumelananga nam ukusebenzela idenari na? 14Pata okukokwako uhambe: nditanda ukunika nakuló wokugqibela njengoko ndinika ngako nakuwe. 15Akundifanele na ukuba ndenze oko ndikwenzayo ngezam izinto? Iliso lako likohlakele na, ngokuba ndilungile mna? 16Kwa njalo ke abokugqibela boba ngabokuqala, nabokuqala boba ngabokugqibela; ngokuba bebaninzi ababiziweyo, koko bebancinane abaqashiweyo.
17KEKALOKU u‐Yesu, enyukela e‐Yerusaleme, watabata abadisipile abalishumi linababini ngasese endleleni, wati kubo: 18Bona ke, siyanyukela e‐Yerusaleme, waeya kuti unyana wesintu anikelwe kubo abaperisite abakulu nababa̔li; abaya kumgweba ukuba afe, 19bamnikele kubaheyideni ahlekwe, abetwe, akuruseshwe; woti ngomhla wesitatu abuye avuke.
20Wandula weza kuye unina bonyana baka‐Zebedi kunye nonyana bake, ebedesha, ecela into etile kuye. 21Wayesiti kuye: Unga ungaba nanto nina? Wati kuye: Xela ukuba aba onyana bam ababini bahlale, omnye abe ngasekunene kuwe, omnye abe ngasekohlo, kunene kuwe, omnye abe ngasekohlo, ebukumkanini bako. 22Koko wapendula u‐Yesu wati: Aniyazi into eniyicelayo. Ningasela na endebeni endiza kusela kuyo mna? nobapitizesho endibapitizeshwa ngalo mna, ningabapitizeshwa ngalo na? Bati kuye: Singenje njalo. 23Waza wati kubo: Indebe yam okunene niya kusela kuyo, nobapitizesho endibapitizeshwa ngalo mna, niya kubapitizeshwa ngalo; kodwa ukuhlala ngasekunene kum nangasekohlo kum asi kuko okwam ukupa, kupela ukupa abo balungiselwe kona ngubawo.
24Baza bati abalishumi bakuva oku, baqumbela abobazalwana babini kakulu. 25Koko u‐Yesu wababiza wati: Niyazi ukuba inkosi zabaheyideni ziyabapata ngobukosi, nokuba abakulu bayenza ngegunya pezu kwabo. 26Kodwa akuyi kuba njalo pakati kwenu; koko osukuba efuna ukuba mkulu pakati kwenu, makabe ngumkonzi wenu; 27nosukuba efuna ukuba ngowokuqala pakati kwenu, makabe sisicaka senu: 28njengokuba unyana wesintu ebengezanga ukuza kukonzwa, koko weza ukukonza, nokunika ubomi bake bube yintlaulelo yabaninzi.
29Kwati nxa bebepuma e‐Jeriko, walandelwa sisihlwele esikulu. 30Kekaloku bona ke, imfama ezimbini zihleli ngasendleleni, zakuva ukuba u‐Yesu uyadlula, zadanduluka, zisiti: Yiba netaṙu kuti. Nkosi, nyana ka‐Davide! 31Koko isihlwele saziyala, ukuba maziti tu: kodwa zazidanduluka kakulu ngakumbi, zisiti: Yiba netaṙu kuti, Nkosi, nyana ka‐Davide! 32Waza wema u‐Yesu wazibiza, wati: Ninga ndingenza nto nina kuni? 33Zati kuye: Nkosi! singa angavulwa amehlo etu. 34Wabetwa lusizi ke u‐Yesu, wacu̔kumisa amehlo azo; ati kwa oko aba nokubona amehlo azo, zamlandela ke.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in