YouVersion Logo
Search Icon

Ivangeli ka‐Mateyu 2

2
1KEKALOKU xeshekweni u‐Yesu ebezalelwe e‐Beteleheme yase‐Judeya, emihleni ka‐Herodi ukumkani, bona ke, izilumko zivela empumalanga zafika e‐Yerusaleme, 2zisiti: Upina lowo uzelweyo engukumkani wama‐Juda? ngokuba sibe sibona inkwenkwezi yake empumalanga, sasize ukumbedesha.
3Kekaloku u‐Herodi ukumkani akuva oko, waxa̔liswa, kwa nayo yonke i‐Yerusaleme kunye naye. 4Wati ke akuba ebahlanganisile bonke abaperisite abakulu nababa̔li babantu, wabuza kubo ukuba uzalwa pina u‐Kristu. 5Baza bati kuye: e‐Beteleheme yase‐Judeya; ngokuba kuba̔liwe njalo ngomprofite, ukuti: 6Nawe, Beteleheme, lizwe lakwa‐Juda! akunguye omncinane kuzo zonke pakati kwenkosi zakwa‐Juda nakanye; ngokuba kuya kupuma umpati kuwe, oya kwalusa abantu bam o‐Sirayeli.
7Wandula u‐Herodi, akuba ezibizile ngasese izilumko, wakolisa ukubuza kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi. 8Waza wazituma e‐Beteleheme, wati: Hambani niye nibuze kunene umntwana lowo; niti nxa nimfumeneyo, nindishumayeze, ukuba nam ndize ndimbedeshe. 9Zati zimvile nje ukumkani, zemka; kekaloku bona ke, inkwenkwezi, leyo zibe ziyibonile empumalanga, yahamba pambili kuzo, yada yeza yema pezu kwalapo umntwana wayekona. 10Zati zakubona lonkwenkwezi, zavuya ngovuyo olukulu kunene. 11Zaza zangena endlwini, zambona umntwana eno‐Mariya unina, zawa pantsi zambedesha, zavula ityeyandyebo zazo, zamnikela amabaso, igolide, nentlakamhlope, nemore. 12Zaza zati, ziyaliwe ngutixo epupeni ukuba mazingabuyi ziye ku‐Herodi, zemka ngenye indlela ukuya ezweni lakowazo.
13Nxa zimkile zona, bona ke, ingelosi yenkosi yabonakala epupeni ku‐Josefe, isiti: Suka, utabate umntwana nonina, usabele e‐Jipete, uze ubeko kona ndide ndikuxelele; ngokuba u‐Herodi eza kufuna umntwana ukuba ambubise. 14Wesuka ke, watabata umntwana nonina ebusuku, wemka waya e‐Jipete: 15waye ebeko kona kwada kwafa u‐Herodi; ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo yinkosi ngomprofite, isiti: Ndambiza unyana wam apume e‐Jipete.
16Wandula u‐Herodi, akubona ukuba ukohlisiwe zizilumko, wanomsindo kakulu, watuma ke, wabulala bonke abantwana abase‐Beteleheme nakuyo yonke imida yayo, ababudala buyiminyaka mibini nangapantsi, njengexesha wayekolisile ukubuza lona kuzo izilumko. 17Kwandula kwazaliseka oko kwatetwayo ngu‐Jeremiya umprofite, esiti: 18Ilizwi lavakala e‐Rama isikalo, nesililo, nesijwili esikulu, u‐Rakele elilela abantwana bake, engavumi ukututuzelwa, ngokuba bengaseko.
19Nxa abefile u‐Herodi, bona ke, ingelosi yenkosi yabonakala epupeni ku‐Josefe e‐Jipete, 20isiti: Suka, utabate umntwana nonina, uye ezweni lakwa‐Sirayeli; ngokuba befile abo babefuna ubomi bomntwana. 21Wesuka ke, watabata umntwana nonina, weza ezweni lakwa‐Sirayeli. 22Kodwa akuva ukuba u‐Arakelosi ungukumkani e‐Judeya esikundleni sika‐Herodi uyise, woyika ukuhambela kona; koko, eyaliwe ngutixo epupeni, wemkela kwizahlulo zase‐Galili, 23weza wema esixekweni esi‐kutiwa yi‐Nazarete, ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngabaprofite ukuti: Uya kubizwa ngokuti ungum‐Nazarete.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in