YouVersion Logo
Search Icon

Ivangeli ka‐Luke 4

4
1KEKALOKU u‐Yesu, ezele ngumoya oyingcwele, wabuya e‐Yoredane; waza wasiwa ngomoya entlango, 2elingwa ngu‐Satane intsuku zimashumi mane. Akatya nto ke kwezontsuku: wati zakuba zipelile, wada walamba. 3Waza u‐Satane wati kuye: Ukuba ungunyana katixo, xela kwilitye eli ukuba lenziwe isonka. 4Waza wapendula u‐Yesu kuye, esiti: Kuba̔liwe ukuti: Akungaso isonka sodwa aya kupila umntu, koko kungawo onke amazwi katixo.
5Waza u‐Satane wamnyusela entabeni ende, wambonisa bonke ubukumkani belizwe ngexanyana linye. 6Waza u‐Satane wati kuye: Ndiya kunika kuwe lamandla onke, nobungcwalisa babo; ngokuba enikelwe kum, nalowo enditanda ukumnika wona ndiyawanika kuye: 7wena ngoko ukuba uya kundibedesha, kwoba kokwako konke. 8Waza u‐Yesu wapendula wati kuye: Yiya emva kwam, Satane! ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Uya kubedesha uyehova, utixo wako, umkonze yena yedwa.
9Kanjalo wamsa e‐Yerusaleme, wammisa pezu kwepiko letempile, wati kuye: Ukuba ungunyana katixo, ziwise pantsi kwa lapa; 10ngokuba kuba̔liwe ukuti: Uya kuyalela ingelosi zake ngawe, ukuba zikugcine: 11nokuti: Zokufunqula ngezandla, hleze uku̔bekise unyawo lwako ngasetyeni. 12Waza u‐Yesu wapendula wati kuye: Kutshiwo ukuti: Akuyi kumlinga uyehova, utixo wako.
13Wati kekaloku u‐Satane, akuba egqibile konke ukulinga kwake, wemka kuye kwamzuzu.
14WAZA wabuya u‐Yesu ngamandla omoya weza e‐Galili; kwaye kupuma udumo ngaye lwaya kulo lonke ilizwe langakona. 15Wabefundisa ezindlwini zentlanganiso zabo, edunyiswa ngabo bonke.
16Waza wafika e‐Nazarete, apo abe ondlelwe kona: wati kekaloku, njengokuba belinjalo isiko lake, wangena endlwini yentlanganiso ngomhla wesabata, wesuka wema ukuba aleseshe. 17Kwaza kwamnikelwa incwadi ka‐Yisaya umprofite. Wati akuba eyitwabulule incwadi, wafumana londawo apo bekuba̔lelwe kona ngokuti: 18Umoya kayehova upezu kwam; ngokokuba enditambisele ukushumayela indaba ezimnandi kumahlwempu; unditumele ukupilisa abantliziyo zigqobokileyo, ukushumayela kwabatinjiweyo inkululeko, nakwabazimfama ukubuyiswa kwokubona, ukundulula abancinezelweyo bekululekile, 19ukushumayela umnyaka okolekileyo kayehova. 20Waza wasonga incwadi, wayinikela kanjako kumkonzi, wahlala pantsi. Bati bonke abasendlwini yentlanganiso amehlo abo ati nama pezu kwake.
21Waza waqala ukuti kubo: Namhla nje sizalisekile isiba̔lo esi ezindlebeni zenu. 22Babemnqi̔nela bonke ke, bawatela nqa amazwi ofefe apumayo emlonyeni wake, bati: Lo asi nguye na unyana ka‐Josefe? 23Waza wati kubo: Nowuteta kum kambe lomzekeliswana wokuti: Gqir̔a! zipilise: konke esivileyo ukuba kwenziwe e‐Kapenayume, kwenze nalapa emzini wakowenu. 24Wati kanjako: Ngokwenene nditi kuni: Akuko mprofite okolekileyo emzini wakowabo. 25Kodwa ngokwenyaniso nditi kuni: Bebeko abahlolokazi abaninzi emihleni ka‐Elija kwa‐Sirayeli, okuya lalivingcekile izulu ngeminyaka mitatu inenyanga zintandatu, xeshekweni yabiko indlala enkulu kulo lonke ilizwe; 26kanti u‐Elija wayengatunywa nakomnye kubo, watunywa e‐Tsarefate yase‐Tsidone kumfazi obengumhlolokazi kupela. 27Kanjalo ebeko amaleperi amaninzi ngexesha lika‐Elisha umprofite kwa‐Sirayeli; kanti kwaye kungahlanjwa nalinye kuwo, kwahlanjwa u‐Nahamane um‐Siriya kupela.
28Baza bati bonke abasendlwini yentlanganiso, bakuva ezizinto, bazaliswa ngumsindo, 29besuka, bamku̔pela pandle kwesixeko, bamr̔olela kwa semgcipekweni wentaba esibe sakiwe pezu kwayo isixeko sabo, ukuze bamkahlele pantsi. 30Kodwa yena ecandile pakati kwabo wemka.
31Waza wehlela e‐Kapenayume, isixeko sase‐Galili, wabafundisa ngemihla yesabata. 32Baye bemangaliswa ke pezu kwesifundiso sake, ngokuba ilizwi lake belinegunya. 33Kwaye kuko endlwini yentlanganiso umntu obenomoya wedemoni enco̔lileyo; waza wadanduluka ngelizwi elikulu, 34esiti: Yeka! siyinto nina kuwe, Yesu wase‐Nazarete? uze kusitshabalalisa na? ndiyakwazi wena ungubanina, ungoyingcwele katixo. 35Waza u‐Yesu wamtetisa, esiti: Yiti cwaka, upume kuye. Yaza idemoni yakuba ibimwisile pakati yapuma kuye, ingamenzanga nto. 36Bahlelwa kukuti nqa ke bonke, batetana omnye nomnye, besiti: Lelanina ilizwi eli, ukuba ebayalela omoya abanco̔lileyo ngegunya nangamandla, bapume ke? 37Lwaza lwapuma udumo ngaye lwaya kuzo zonke indawo zelizwe langakona.
38Wati esukile endlwini yentlanganiso, wangena endlwini ka‐Simone. Kekaloku umkwekazi ka‐Simone wabebanjwa licesine elikulu; baza bamtandaza ngaye. 39Waza wamongamela, watetisa icesine, lamyeka ke: waselesuka oko wabakonza.
40Kekaloku nxa ilanga belitshona, bati bonke abo babenabo ababesifa zizifo ngezifo, babazisa kuye; waza wabeka izandla zake pezu kwabo ngabanye ngabanye, wabapilisa. 41Kanjalo nedemoni zapuma kubaninzi, zidanduluka, zisiti nokuti: Wena unguye u‐Kristu, unyana katixo. Waza wati ezitetisa akazivumela ukuba zitete, ngokuba zibe zimazi ukuba unguye u‐Kristu.
42Kekaloku kwakuba kusile, wapuma waya endaweni elubala; zaza izihlwele zamfuna, zeza kwa kuye, zambambezela ukuba angemki kuzo. 43Koko wati kuzo: Ndifanele ukushumayela indaba ezilungileyo zobukumkani bukatixo nakwezinye izixeko; ngokuba nditunyelwe oku. 44Waza washumayela ezindlwini zentlanganiso zase‐Galili.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in